UKonco uyinkuthazo kulutsha laseMthatha

Intshatsheli yamanqindi kudidi lwe-IBO kwihlabathi, uSimphiwe Konco, wamkelwe ngokusesikweni kwindawo azalwelwe kuyo eMthatha ngoMgqibelo.

Le ntshatsheli izalwa kwilokishi yaseNgangelizwe yenzelwe isibhadlalala setheko isamkelwa ngumasipala wase-O.R.Tambo, isebe leMidlalo, Ubugcisa neNkcubeko njengendlela yokuvuyisana nayo kwimpumelelo yenyanga ephelileyo ngethuba esohlula uSiyabonga Siyo.

Le mibhiyozo ibiquka ukuzula izitalato zedolophu yaseMthatha nezelokishi yaseNgangelizwe.

USiyakholwa Mlamli ojongene nemidlalo kumasipala we-O.R.Tambo uthi, uSimpiwe Konco ngumzekelo omhle kulutsha lwale ngingqi oluhlala kwiindawo ezonganyelwe ziziyobisi.

“Singumasipala sinebhongo ngaye, ukuzalelwa kwindawo yaseNgangelizwe egcwele ziziyobisi akumguqulanga, uqhubela phambili ngokuba ngumzekelo kulutsha.

Kufuneka ukuba singumasipala sixhase iindawo zokuziqeqesha ukuze kuvele abanye abadlali bamanqindi.

Umqeqeshi uCollen Nathan uthi, le mbethi manqindi yenze imbali kwihlabathi, ingakumbi iphuma ezilalini, kwindawo engajongelwanga ntweni. Ugxa wakhe uXolisani “Nomeva” Ndongeni uthi ukuphumelela kukaKhonco yinkuthazo kwisibaya iHot Boxing Club kuba kuzobakho ukhuphiswano phakathi kweembethi manqindi.

Kwelakhe icala uSimpiwe Konco uthi, iyamvuyisa impumelelo nomsebenzi wakhe, watsho esithi unqwenela ukufumana eminye imilo. Ubulele ebantwini abadlale indima ebonakalayo kule mpumelelo, abaquka oogxa bakhe nomqeqeshi wakhe.