UKonkco uvuyela ukubetha umhlobo wakhe

USimpiwe Konkco ukhusele inthsinga yakhe ngempumelelo umfanekiso: pedro mapelo

USimpiwe Konkco uchulumanciswe yimpumelelo ebalulekileyo ayifumene kutshanje.

Le ndedeba ikhusele intshinga ye-IBO emva kokubetha uNkosinathi Joyi kumlo obunzima kakhulu obukwayinxalanye yokuwonga uBra’Mzi Mnguni, eOrient Theatre.

Umlo wezi mbethi manqindi zimbini zeMpuma Koloni nguwona ubuphambili kule tumente ebiququzelelwe nguRodney Berman, ngenjongo yokuthi “Enkosi” kuMnguni ovelise iintshatsheli zehlabathi.

Umlo kaKonkco noJoyi ubuphucuke kakhulu, kubonaka ukuba kudibene iincutshe.

“Ndiyayibulela le mpumelelo. Ndibethe enye intshatsheli kutshanje. Bendiwulungiselele umlo kakhulu, iNkosi ibenam. Nakuye uBra’Mzi ndithi “inkosi imsikelele, inkulu indima ayidlalileyo emanqindini,” utshilo uKonkco kweli phephandaba.