UKopo ubaqhwabele izandla abadlali beChippa eyibambe itshisa iMagesi

USinoxolo Kwayiba esilwela ibhola emdlalweni weBetway Premiership obuphakathi kweChippa United neMagesi FC ngempelaveki eBuffalo City Stadium. Umfanekiso: Yanga Nothanga/Maya Images

Umqeqeshi weChippa United, uKwanele Kopo, ubaqhwabele izandla abadlali bakhe emva kokwenza umsebenzi oncomekayo. Oku ukuvakalise emva kokuba iChippa United ibethe iMagesi FC elwileyo ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eBuffalo City Stadium ngoMgqibelo odlulileyo. Amanqaku amathathu ayithathe iChippa United ayibeka kwindawo yesithathu – kodwa iye yasuswa yiStellenbosch FC ebethe iPirates ngo’1-0 emdlalweni obusemalanga izolo.

Omabini amaqela adlale umdlalo omhle kakhulu futhi ekufuna ukuphumelela. Amagowuli amabini afakwe ngumdlali wasesiswini, uSinoxolo Kwayiba, ancede iChippa United echophe kwindawo yesine ngoku. Isiqingatha sokuqala sidlalwe kakuhle yiChippa ezincede ngokufumana amagowuli. UStanley Nwabali uvale iibhola ezimbi futhi engeziyincedile iMagesi ebivutha bhe kwisigaba sesibini somdlalo. “Besisazi ukuba iMagesi iza kuza kuthi ingxamile ngoba besihamba phambili,” utshilo uKopo emva komdlalo.

“Into embi eyenzekileyo kuthi yipenela esiphise ngayo ekuqaleni kwesigaba sesibini somdlalo. Ezingqondweni zabadlali lo nto ithe baza kuxheshwa emdlalweni. Enye into esiphazamisileyo ngamakhadi atyheli afunyenwe ngabadlali bethu. Ndizama ukuveza ukuba zininzi iingxaki abadlali bethu abaye bajongana nazo kwisigaba sesibini somdlalo. Kodwa ke iMagesi ibikhabela iibhola nje phambili. Into ebe siyifuna thina kukuphumelela umdlalo. Ndibulela umsebenzi omhle owenziwe ngabadlali, ngakumbi uStanley osikhuseleyo emdlalweni,” utshilo uKopo.

Emva kokudlala kakuhle kwakhona, uKwayiba uphinde wafumana iwonga lomdlali oqaqambileyo. Ihleli kwindawo yesine iChippa United emva kokuqokelela ishumi elinesine lamanqaku emidlweni elithoba. Phambi kokuphela kwalo nyaka, uKopo ukubethelele ukubaluleka kokuqhuba kakuhle emidlalweni emibini eshiyekileyo. Kwiveki ezayo, iChippa iza kwamkela iCape Town City emdlalweni weBetway Premiership oseMonti, ize ivale ngoweChiefs oza kube useMoses Mabhida Stadium.