“Ukuba iMagic ingabetha iChiefs, iyakuba ngathi iphumelele iNedbank Cup”

Daniel Cardoso of Kaizer Chiefs during the Kaizer Chiefs Press Conference on the 14 February 2019 at PSL Offices Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Amakhosi
aza kudibana neqela elincinane, iThe Magic FC, emdlalweni weNedbank Cup obonwa
ngabantu abaninzi njengedabi likaGolithi noDavide ngentsimbi yesithathu
emalanga namhlanje eNelson Mandela Bay Stadium. kwiminyaka engaphambili,
iKaizer Chiefs ibe nelishwa lokuhlazwa ngamaqela amancinci kwiNedbank Cup –
kodwa namhlanje iza kuzama ukuyibaleka la nto njengokuba isakhangela indebe
emva kwendlala yeminyaka emithathu yonke. Kwinyanga ephelileyo, iChiefs incedwe
ligowuli elafakwa ngempazamo ngumdlali weTornado FC – eyayisokolisa imizuzu
engamashumi alithoba. Umdlali wasemva kwiChiefs, uDaniel Cardoso, ucacisile
kule veki ukuba kutheni iqela lakhe lisokole xa kufuneka libethe amaqela
amancinci kwimidlalo yeNedbank Cup.

“Siyakuthanda
ukuyekelela xa silapha kwiChiefs. Xa ujonga kwiminyaka edlulileyo, iChiefs
iwadelele amaqela amancinci. Futhi xa ujonga kwiminyaka egqithileyo,
wawungenakulindela iqela elikhulu njengeChiefs ukuba lingabethwa yiBaroka. Nayo
iTornado iphantse yenza into efanayo kwiiveki ezidlulileyo. Ndicinga ukuba
ngabadlali abayekelela umxakatho,” utshilo uCardoso odlala oko phantsi
kuka-Ernst Middendorp. Amakhosi andwendwela iThe Magic yaseKapa ekuye
kwanyanzeleka ukuba ise umdlalo wayo eBhayi emva kokuba ingakwazanga ukufumana
ibala lokudlalela.

UCardoso
akuyiboni iMagic njengeqela elinokuyixhalabisa iChiefs – kodwa uthi
akufunekanga abadlali bayekelele emdlalweni. “IMagic ayiloqela elinobuzaza
kangako. Kuyo, ukudlala neChiefs kufana nokudlala umdlalo wamagqibelakankqoyi. Ukuba
iMagic ingabetha iChiefs, iyakuba ngathi iphumelele iNedbank Cup. Abadlali bayo
bayakubhiyoza into engenasiphelo. Ngeke bazihluphe ngeminye imidlalo ukuba
bangabetha thina. Nathi asikwazi ukuyekelela umxakatho emdlalweni,” utshilo
uCardoso ethetha neentatheli eGoli kwiintsuku ezidlulileyo. Njengokuba iMamelodi
Sundowns ne-Orlando Pirates zingasekho kwiNedbank Cup, iChiefs ibonwa
njengelona qela elingayithatha ekugqibeleni.