Ukubaleka buguqule ubomi bam, utsho uPhoswayo waseNgcobo

Faniswa Phoswayo.

Icandelo lezembaleki ayiseyiyo indawo yokhuphiswano phakathi kweembaleki nje kuphela, ngoku yindawo eguqula ubomi. Olu luluvo lwembaleki yaseNgcobo, uNksz. Faniswa Phoswayo, owaqagqiba kwelokuba abe yimbaleki eminyakeni egqithileyo ngenxa yengxaki yempilo awayenayo. Emva kweminyaka emithandathu eyimbaleki, uPhoswayo akazisoli ngesigqibo awasithathayo. “Ukubaleka asinto endakhula nayo. Ngenxa yomzimba omkhulu endandinawo, ndathi makhe ndizame apha kwicandelo leembaleki ukuze ndehlise umzimba wam. Ethubeni kodwa ndakuthanda ukubaleka ndatsho ndayimbaleki,” utshilo uPhoswayo encokola neli phephandaba. Uyakwazi ngoku uPhoswayo, 39, ukumelana noxinezelelo lokuba ngumzali, umsebenzi nomama wekhaya ngoba ukubaleki kuyithatha kuyibeke endaweni elungileyo.

“Ukubaleka kundincedile kakhulu ebomini bam. Njengomntu osakhulayo, zininzi izinto eziphazamisa iingqondo zethu. Ukubaleka kwenza ingqondo izinze ukwazi nokuziphepha izinto ezingaphazamisa impilo yakho. “Xa ungumntu obalekayo awubinawo umvandedwa. Ingqondo yakho yakho ayithathi yonke into engenamsebenzi. Ubasempilweni xa ungumntu obalekayo futhi uyakwazi ukulawula okwenzeka emzimbeni wakho,” utshilo uPhoswayo ongumsebenzi karhulumente kwisebe lobulungisa eNgcobo. Njengokuba ukuba yimbaleki iyinto awade wayamkela, uPhoswayo sele ebaleke kwimidyarho yeembaleki eliqela ekuqala iMaster Marathon kwaye usazimisele ukuya nakwiComrades Marathon.

“Mna ndiyakuthanda ukuya emidyarhweni yeembaleki ngoba ufumana ithuba lokudibana nabantu abasuka kwiingxaki ezifana nezakho. Uyakhula njengembaleki xa ungumntu ohambayo. Indlela obaleka ngayo iyatshintsha ngoba ufumana inkuthazo kwabanye abantu. Into endiyifunayo ngoku kukubaleka iComrades Marathon. Kangangoba ndilungiselela yona ngoku. Ngoku besibaleka kwiMasters Marathon, ndakwazi ukwenza ixesha elifunwayo kwiComrades Marathon. Ukubaleka iCamrades Marathon yeyona ebalulekileyo xa uyimbaleki,” utshilo uPhoswayo.