Ukubaleka yinto esegazini kwimbaleki yaseMdantsane

UZandile Rubushe yimbaleki yakwaNU 1 eMdantsane ezimisele ukwenza izinto ezinkulu kwicandelo leembaleki. Umfanekiso: uthunyelwe

Inenekazi laseMdantsane, uZandile Rubushe, linephupha lokwenza izinto ezinkulu kwicandelo leembaleki nakubeni liphazanyiswe kakhulu kukuqhambuka kwekhorona kwiinyanga zokuqala kulo nyaka eMzantsi Afrika.

Yinto leyo eyanyanzela urhulumente kazwelonke azinqumamise zonke iintshukumo zoluntu nokusebenza kwezoshishino kuba wayezama ukubamba isantya sokosulelana kwabantu. Baninzi kakhulu abantu abe benezicwangciso zonyaka eziphazamisekileyo.

Kube nzima kakhulu kwezemidlalo ngoba licandelo elitsala abantu abaninzi. Kwabanzima ngakumbi kuRubushe obeqhele ukuvuka ekuseni azilolonge noogxa bakhe abaleka nabo kwiOld Mutual Athletics Club yaseMonti, kodwa akufani ngoku banikwe umtyhi noxa umbutho olawula iimbaleki, iSouth African Athletics, ithe akukho midyarho iza kuyiququzelela kude kubekho isiqabu.

“Bekunzima kakhulu kuthi. Kufane kwangcono emva kokunikwa amaxesha okuzilolonga. Bekungelulanga ebantwini abaqhele ukuzilolonga kabini ngosuku,” utshilo uRubushe owakuthanda ukuba yimbaleki ukusukela kwiintsuku zakhe zobutsha.

“Akululanga ukuzilolonga ube ungazazi nokuba uya kuze ubaleke nini na. Kodwa kuyo yonke lo nto, kubalulekile kuthi ukugcina imizimba ilungile. Isiphazamisile into yekhorona ngoba besinezicwangciso zokuya emidyarhweni emikhulu. Kulo nyaka, bendifuna ukuphucula ixesha lam kwimidyarho efana neSoweto Marathon,” utshilo uRubushe otsha ziintambo nozenzele igama kwimidyarho yeembaleki efana neSoweto Marathon, iTwo Oceans nakweminye.

URubushe, 35, unexesha elide noko eyimbaleki emva kokuqala ukubaleka esikolweni esemncinane kwaye uqinisekile okokuba umqeqeshi wakhe, uLuthando Hejana, uza kumnceda ayiphumeze iminqweno yakhe.

“Ukubaleka ndakuqala esikolweni eNkululeko Primary apha eMdantsane. Ngelo xesha sasisafunda nooJoyi nooMyekeni aba basemanqindini. Esikolweni kwathiwa abantu mabakhethe imidlalo abayifunayo, mna ndakhetha ukubaleka. Bona bakhetha ukuba ziimbethimanqindi.