‘Ukubetha iChiefs yeyona nto imnandi kum’

Umlandeli weMamelodi Sundowns uMfuniseli Mevana

Omnye wabalandeli beMamelodi Sundowns abazingomb’ isifuba ngayo nabayithanda kakhulu uxelele I’solezwe lesiXhosa indlela elamtsala ngayo eli qela.

Le ndedeba yaseQonce ithi iqela layo kufuneka libuyise ubunganga balo kwakhona kwibhola yeli lizwe.

Pedro Mapelo: Molo Mhlekazi, uphilile?

Umlandeli: Ndiyaphila Bhuti, unjani wena?

PM: Kuhle enkosi. Gqaba-gqaba, khawusixelele ungubani?

Umlandeli: Igama lam ndinguMfuniseli ‘Roger Feutmba’ Mevana. Ndihlala eWelcomewood kwidolophu yaseQonce.

PM: Waqala nini ukulandela ibhola ekhatywayo neSundowns?

Mfuniseli Mevana: Ndaqala phaya ngoo-1990/91, ngenye imini sasisekhaya sibukele umdlalo owawuphakathi kwiDowns neKaizer Chiefs. Umdlali owatsala iliso lam kuloo mdlali yabayingqungqumbana – uZane Mooosa. Lo mdlalo waphunyelelwa yiSundowns ngo’2-1. Enye yezinto ezabangela ndiyithande iDowns ngumdlalo wayo oqoqoshiweyo. Ibhola yayo ayikhatywa nje nangoku.

PM: Nceda usixelele eyona nto ongasoze uyilibale ngeSundowns?

MM: Ukubetha iChiefs yeyona nto imnandi kum futhi endingasoze ndiyilibale. Khumbula zange sayibetha ixesha elide kwimidlalo yeendebe. Sathi xa siyibetha kwiTelkom Knockout ngo’3-1 eMoses Mabhida kwamnandi kakhulu. Ukuphumelela indebe yeCaf Champions League neSuper Cup zezinye zezinto ezibaluleke kakhulu kwiSundowns futhi yinto enkulu kakhulu.

PM: Ulindele ntoni kwiSundowns kule sizini entsha?

MM: Into endiyifunayo kule sizini kukuba iDowns izame ukuphumelela indebe yePSL iphinde ikhusele iChamps League. Sineqela elihle kakhulu elinabadlali abathe qabavu. Sizakuyiphumelela indebe yePSL futhi songeze nezinye emva kokufumana abadlali abatsha.

PM: Ngubani umdlali omthandayo kwiDowns?

MM: Oyena mdlali ndimthandayo nguTemba Zwane. UZwane ngumdlali ongayenzi nzima ibhola kwaye usebenza ngokuzimisela.