Ukubuya kukaCastro kuyinika amandla iChiefs evusa eyayo iCBD!

ULeonardo Castro uza kunceda iKaizer Chiefs emva kokululama ekonzakaleni okumgcine iinyanga ezintlanu engadlali. Umfanekiso: FNB Stadium/ Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Ifolosi yeKaizer Chiefs, uLeonardo Castro, ivuyela ukufumana ithuba lokudlala ebaleni kwakhona emva kokukhonkxwa kukonzakala. UCastro, 32, udlale okokuqala kwiveki ephelileyo phantsi kukaStuart Baxter kwisizini eqhubekayo ukusukela ngenyanga yeSilimela kunyaka ophelileyo awonzakala ngawo. Ngenxa yokonzakala, le ndedeba yaseColombia ayikwazanga ukuqala isizini nabanye abadlali kwiChiefs ngoba ibisabhilwabhilwa ngoogqirha. Noxa ukudlala ngendlela yakhe kwakuthatha ixesha – kodwa uCastro uthi kumnandi kakhulu ukubuyela ebaleni. “Kumnandi ukudlala ibhola kwakhona.

Bendibakhumbula oogxa bam, nokudlala ebaleni bendikukhumbula,” utshilo uCastro. “Ndonzakala kakubi kakhulu. Kuye kwanyanzeleka ukuba ndibe nomonde kakhulu. Yonke lo nto ibifuna ndomelele ngokwasengqondweni ukuze ndikwazi ukudlala kwakhona,” utshilo uCastro. Ubukho bukaCastro ziindaba ezimnandi kuBaxter ngoba udinga ifolosi ekwaziyo ukufaka amagowuli njengaye. Okunika umdla kakhulu kukuba ubuya uKhama Billiat noKeagan Dolly besenza ezibukwayo emidlalweni yeChiefs.

“Njengokuba ndikwazile ukuphuncuka ekonzakaleni, ndifuna ukusebenza ngokuzimisela ukuze ndiphucule indlela endidlala ngayo. Sineqela elomeleleyo. Phantse bonke abadlali bakhona kwaye bakulungele ukudlala nanini na. Njengokuba imidlalo isiza phakathi evekini nangeempelaveki, kufuneka bonke abadlali,” utshilo uCastro emva kokuhlala phantsi iinyanga ezintlanu zonke engadlali. Umqeqeshi ukwamkele ngovuyo ukubuya kukaCastro – kodwa uthe akakakulungeli ukudlala ixesha elide ebaleni.

“Kwakuthatha ixesha elide ukuze abuyele kwisimo sakhe. Ndinethemba lokumande ndimnika imizuzu embalwa emidlalweni ade afumane amandla,” utshilo uBaxter emva kokuba iChiefs ibethe iMaritzburg United ngegowuli elinye eHarry Gwala Stadium ngempelaveki. Umdlali ongekabuyeli enkampini nguSamir Nurkovic naye owonzakeleyo. Amakhosi aza kulwela amanqaku amathathu xa edibana neSwallows emdlalweni weDStv Premiership ngo-15:30 ngeCawe.