Emva kokunceda iqela lesizwe izolo, uThapelo Morena uthi ukudlalela kwiphondo laseFree State kubuyise iinkumbulo zeminyaka edlulileyo esengumdlali weBloemfontein Celtic. UMorena, 30, ubethelele igama lakhe ezintliziyweni zabalandeli bebhola ekhatywayo emva kokuba efake amagowuli amabini ancede aBafana Bafana ababethe iZimbabwe ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni ohlakulela i2026 Fifa World Cup obubanjelwe eFree State Stadium ngorhatya izolo.
Impumelelo iwubeke endaweni entle uMzantsi Afrika ozama ukubuyela kwitumente yehlabathi. Umdlalo utake iintlantsi zisuka. Emzuzwini wokuqala kwisiqingatha sokuqala, aBafana Bafana bahambe phambili ngegowuli elifakwe ngu-Iqraam Rayners. Khange uphele owesibini umzuzu, iZimbabwe iye yaphendula ngelayo igowuli.
Asukelene omabini amaqela futhi kucaca ukuba adlalela ukuphumelela. Ngelishwa lawo, akubangakho qela elikwazileyo ukongeza ebhodini kwesokuqala isigaba. Izinto ziguqukile kwisigaba sesibini, aBafana Bafana banyuse umxakatho – befanele ngoba bebexhaswa yindimbane yabalandeli ebigcwelise iFree State Stadium.
Nangona iFree State inabantu abahamba phambili ngokuthanda nokuxhasa ibhola ekhatywayo – kodwa kunzima ngoba inqatyelwe yimidlalo yebhola ekhatywayo ekwinqanaba eliphezulu. Ukuthengwa kweBloemfontein Celtic kwabachana kakubi kanti nabo aBafana Bafana bagqibela ukudlalela eFree State ngonyaka ka2010.
Umsebenzi owenziwe nguMorena, ongene kwisigaba sesibini, uqhwatyelwe izandla kakhulu ngabalandeli bebhola ekhatywayo. “Okokuqala, ukubuyela eBloemfontein kuyamanganisa kakhulu,” utshilo uMorena kwiSABC Sport emva komdlalo izolo.
“Phambi komdlalo, ndibaxelele oogxa bam ukuba siza kubukelwa ngabantu abaninzi eBloemfontein. Ndithe kufuneka sizimisele kakhulu ebaleni. Ukufaka amagowuli amabini apha kundichukumisile ngoba bendikhe ndadlala kweli bala ibhola naseDr Molemela Stadium – apho ndinembali etyebileyo kakhulu.
“Bekunyanzelekile ndisebenze ngoba abalandeli bayandazi futhi bebelindele lukhulu kum. Namhlanje siqhube kakuhle ngoba besifuna ukuncumisa abalandeli baseBloemfontein nabelizwe ngokubanzi. Umqeqeshi undifakile ngoba abadlali babalulekille bonke,” utshilo uMorena.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile