Ukufakwa kwamagowuli kwiPirates kuyamxhalabisa umqeqeshi!

Milutin Sredojevic, coach of Orlando Pirates reacts during the 2018 Telkom Knockout quarter-final match between AmaZulu and Orlando Pirates at Moses Mabhida Stadium, Durban on 03 November 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Akonwabanga
konke konke umqeqeshi we-Orlando Pirates, uMilutin “Micho” Sredojevic, yindlela
elivuza ngayo iqela lakhe ngoba oku ukubona njengento eyakuthi ilichane
kukhuphiswano lwe-Absa Premier Soccer League. EZimnyama zivuthulule iChippa
United ngo’4-2 emdlalweni obubanjelwe e-Orlando Stadium ngoLwesibini wale veki.
Nangona bekufanele ukuba imonwabisile impumelelo uMicho kuba kuye kwavaleka
umsantsa phakathi kweBucs neWits ebethwe yiKaizer Chiefs ngo’2-0 izolo – kodwa uthe
akonwabanga yindlela izinto ezenzeka ngayo. Ibingumdlalo wesibini ilandelelana
kufakwa amagowuli amabini kwiPirates. Kwiveki ephelileyo, iBucs idlale
ntanganye
neHighlands
Park
ngo’2-2.

“Iziphumo
azikucacisi ngokupheleleyo okwenzeke ebaleni. Zihle kakhulu iziphumo kunendlela
esidlale ngayo. Kuyafuneka sike sizibhence. Emidlalweni emibini sesifake
amagowuli amathandathu. Yinto entle kakhulu leyo – kodwa kufanele sikhumbule
ukuba kufakwe amangowuli amane kuthi. Kungena amagowuli kuthi futhi yinto
exhalabisayo leyo ekufanele siqubisane nayo siliqela.
  Kufanele ukuba sisebenze ngokubambisana.
Injongo yethu kukuba kungafakwa magowuli kuthi. Sinengxaki futhi ayifuni kusuka.
Sizimisele ukuyilungisa le nto ekuhambeni kwexesha,” utshilo uSredojevic.

Umqeqeshi
wePirates uthembise kakhulu phambi kokuqala kwesizini – kodwa ukuzothi ga ngoku,
eZimnyama azikafumani ndebe. UMicho uvumile ukuba izinga leqela lisephantsi
kunendlela ebebefuna libe kulo. Ngoku kufuneka umqeqeshi aqwebe elinye iqhinga
elinokunceda iPirates ukuze iqale ngegiya ephezulu kwisigaba esibalulekileyo seCAF
Champions League xa idibana neFC Platinum kwidolophi yaseBulawayo kwilizwe
laseZimbabwe emalanga ngoMgqibelo. AmaBhakabhaka athelekiswe namaqela amakhulu
kuGroup B afana ne-Esperance yaseTunisia, iHoroya yaseGuinea neFC Platinum. “Imidlalo
emibini esiyidlalileyo isilungiselele esiza kujongana nako kwaBulawayo. Xa
ujonga imidlalo yokuqala ibalulekileyo kakhulu ngoba okwenzeka kuyo kulapho
kwenzeka kwisigaba esilandelayo. Yomithandathu imidlalo kufanele siyithathe
njengeyeyamanqam,” utshilo iMicho.