Izihlwele zabalandeli bebhola ekhatywayo kwihlabathi lonke ziza kuthi ntsho amehlo wazo koomabonakude xa kuqala itumente yehlabathi (FIFA World Cup) eza kube isingethwe lilizwe laseQatar kwiiveki ezizayo. Njengokuba abanye beza kubukela amazwe wabo, abalapha eMzantsi Afrika kufuneka bazikhangelele amazwe abanokuwalandela ngoba aBafana Bafana boyiswa yiGhana eyababetha emdlalweni wokugqibela owawuhlakulela indebe yehlabathi. Endaweni yaBafana Bafana, iSouth African Football Association (Safa) iza kuthumela amadoda amathathu aza kusetyenziswa yiFIFA elawula ibhola yehlabathi. Loo madoda ngusompempe ophume izandla nomncedisi wakhe, uVictor Gomes noZakhele Siwela.
Omnye nguGqirha uThulani Ngwenya. Ukungaqhubi kakuhle kweqela lesizwe yinto ebakhathazayo abalandeli eMzantsi Afrika ngoba yagqibela ngo-2002 eyayisingathwe yiKorea neJapan. Endaweni yalo, uMzantsi Afrika sowuqanywa ngamadoda avuthela impempe afana noVictor Gomes ebholeni ekhatywayo. Njengokuba sekusondela iintsuku zokuqala kweyona tumente inkulu kwihlabathi, iSafa iye yaququzelela indibano abakhululwe ngokusesikweni kuyo ekuqaleni kweveki eGoli. Kuloo ndibano bekukho iNkulumbuso yaseGauteng, uMnu. Panyaza Lesufi, amasekela kaMongameli, uNatasha Tsichlas noLinda Zwane, bephelekwe ngamagosa aphezulu weSafa, uNksz. Lydia Monyepao noWalter Steenbok.
Kukho amahumhum athi uGomes ebevuthela impempe okokugqibela ebholeni yaseMzantsi Afrika emdlalweni wedabi laseSoweto obuphakathi kwe-Orlando Pirates neKaizer Chiefs obuseFNB Stadium ekupheleni kwenyanga yeDwarha. Iingxelo zithi uGomes, 39, uzimisele ukubeka phantsi njengosompempe emva kweFIFA World Cup ukuze akwazi ukujongana neshishini lakhe elikwiphondo laseGauteng. Ziindaba ezo ezingekaqinisekiswa – kodwa akukho mntu ozikhabileyo. Abaphathi beCAF kuthiwa bazimisele ukumcenga ahlale ngoba ngomnye woosompempe abaza kusetyenziswa emidlalweni yeCAF Super League. Kulindeleke ukuba kucace yonke into emva kwetumente yehlabathi yebhola ekhatywayo.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10