Ukufuna ukulwa shushu uSivenathi Nontshinga oyintshatsheli yehlabathi!

Imbethimanqindi ephambili eMzantsi Afrika, uSivenathi Nontshinga, ifuna shushu umlo oza kuyithatha uyibeke endaweni entle kwicandelo lamanqindi. Emva kokuba abaphethe amanqindi bethe uNontshinga makadibane noMasamachi Yabuki waseJapan – ngoku ulindele ukuba kubhengezwe umhla nendawo eza kusingatha umlo wentshinga ye-IBF junior flyweight. UColin Nathan uxelele iphephandaba laseGoli ukuba imbethimanqindi yakhe ikulungele ngokupheleleyo ukukhwela eqongeni kwakhona kulo nyaka.

UNontshinga ugqibele ukulwa kwiinyanga zokuqala zalo nyaka ngethuba efumana intshinga yakhe kwakhona. Ekupheleni konyaka ka2023, uNontshinga washiyeka edanile futhi ekhathazekile emva kokuba wabethwa nguAdrian Curiel emlweni owawubanjelwe eMonaco, eFrance. UNathan wampheka kwiiholide zokuphela ka2023 watsho wakwazi ukubuyisa intshinga anayo ngoku nesidima sakhe emva kokuphumelela emlweni obunzima ekuqaleni kwalo nyaka eMexico. Leyo yaba yinto enkulu kakhulu kuNontshinga okhangela indlela yokukhusela intshinga yakhe ngoku.

Bekufanele ukuba uNontsinga ulwa nendedeba ekuthiwa nguChristian Araneta – kodwa ngenxa yokonzakala kwayo, uza kudibana noYabuki okwindawo yesibini kumanqwanqwa ehlabathi. “Ndiqinisekile ukuba imbethimanqindi yam iza kube ikulungele ukukhwela eqongeni ngomhla womlo. Mna ndizithembile iimbethimanqindi zam,” utshilo uNathan ethetha ngomlo ekulindeleke ukuba ubhengezwe kungekudala. Akukacaci indawo oza kubanjelwa kuyo – kodwa uNathan uthi nokuba usiwe kweyiphi indawo, yena neqela lakhe bakulungele ukulwa qha.

Emva kokuphumelela umlo obunzima kulo nyaka, uNontshinga uza kuya emlweni olandelayo ukuzithemba kuye kufunqukile. “Nditsha ziintambo. Kudala kuthethwa ngawo lo mlo. Mna ndikulungele ukukhwela eqongeni ndikhusele intshinga yam. Ukuze ndibe ngumpondozihlanjiwe wehlabathi, kufuneka ndoyise abanye oompondozihlanjiwe behlabathi. Ndikulungele ukulwa kwakhona,” utshilo uNontshinga wedolophi yaseMonti.