Ukuhlangana kukaHunt noKlate kuncede iBidvest Wits

UGavin Hunt ongumqeqeshi weBidvest Wits umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Isizini yePSL ka’2016/17 iyasongwa kule mpelaveki. Nangona bekungekagqitywa – kodwa iintshatsheli sezikhona. Ezo ntshatsheli ezintsha kraca yiBidvest Wits – eyenze umsebenzi ophucuke kakhulu kule sizini.

UGavin Hunt uzuza le ndebe emva kweminyaka emithathu eyizama. Le mpumelelo uyifumana uHunt emva kokudibanisa abadlali ngobuchule abathe bamnceda ekugqibeleni.

Omnye wabo badlali nguDaine Klate ofake igowuli ngethuba iWits ibetha iPolokwane City ngo’2-0 kumdlalo odlulileyo eBidvest Stadium – ibala enqolobele kuwo amaqela amaninzi iWits.

Le mpumelelo yinto enkulu kakhulu kuHunt kwaye imchukumise entliziyweni kwiveki ephelileyo.

“Side savuzwa emva kokusebenza nzima. Ekufikeni kwam apha, iWits yayingenabo abadlali abanokuphumelela le ndebe. Ndaqala ngelo xesha ukwenza iinguqu, kuthatha ixesha elide ke ukwakha iqela – kodwa ndiyavuya ngoku njengokuba siphumelele. Ndiyababulela abaphathi bam ababenomonde nababonise ukundithemba,” utshilo uHunt edyidizelisa iinyembezi zovuyo.

Impumelelo yalo mqeqeshi ithetha ukuthi bathathu qha abaqeqeshi abaphumelele le ndebe izihlandlo ezine. NguHunt, uGordon Igesund noTed Dumitru obhubhe ngo’2016.

Enye yezinto ezincede uHunt kukuzisa uKlate apha kwiWits. Ukwazile ukubumba iqela esebenzisa yena njengendoda enamava kakhulu futhi esebenza ngokuzimisela ngamaxesha onke.

Lo mdlali owayedlalela iPirates ufake igowuli lesibini eliqinisekise impumelelo yeWits.

UKlate uyiphumelele kathandathu le ndebe; kanye kwiWits, kathathu kwiSuperSport kabini kwiPirates. NgoMgqibelo iWits izakubhiyozela indebe yePSL yokuqala kwimbali yayo njengeqela elidala eMzantsi Afrika.

Amakhosi ngawo azakukhahlela kwezi ntshatsheli zale sizini eFNB Stadium.