Ukulungele ukubuyela eqongeni uToto Helebe!

Intshatsheli yoMzantsi Afrika uToto Helebe, ingxamele ukubuyela eqongeni emva kokuhlaselwa eGugulethu ngo-2017

Ingxamele ukukhwela eqongeni intshatsheli yoMzantsi Afrika kwididi lentambanani – uToto Helebe.

Le ndedeba ibikhe yathi nqumama isithuba seenyanga ezimbini ngenxa yomonzakalo emva kokuhlaselwa ekhayeni layo eGugulethu kweyeDwarha kunyaka ka-2017.

Umanejala kaHelebe, uSinethemba Mandyoli, uthi itsha zintambo le mbethi manqindi iyinzalelwane yaseCala – kodwa ezinze eKapa kwiphondo laseNtshona Koloni.

“Siphoswe ngumlo omkhulu kwinyanga yoMnga. UToto ululamile, yaye ukungxamele ukubuyela eqongeni,” utsho njalo umnumzana Mandyoli.

Lo kaMandyoli uthe bajonge ukukhusela intshinga yabo xa bedibana nembethi manqindi yaseZiphunzane, uMbulelo Dyani, ekudala isenza isankxwe ikhwaza uHelebe.

“Siza kunika uMbulelo Dyani ithuba lokuba adlalele intshinga yoMzantsi Afrika. Kudala esikhwaza. Asikawuxelelwa umhla ngumququzeleli wethu umnumzana Ntutu, kodwa amarhe athi singakhwela eqongeni kwakhona kwinyanga kaTshazimpuzi,” wongeze ngalo mazwi uMandyoli.

UHelebe unemilo engamashumi amabini anesihlanu, waphumelela elishumi elinesibhozo wabethwa kwesixhenkxe.

UMbulelo Dyani uphumelele imilo emihlanu, wadlala ntanganye kwemibini, waze wabethwa komnye kwimilo elithoba asele eyidlalile njengembethi manqindi ehlawulwayo.

Iingxelo zithi iyalulama enye imbethi manqindi ebisandul’ okonzakala kolunye uhlaselo olwenzeke kwakwisixeko saseKapa, uMzuvukile Magwaca.