Umqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywayo, uHugo Broos, akayolelwanga kukungafumaneki kukaLyle Foster – kodwa akukho nto angayenza ngoba oogqirha bakhe abafuni aye kwiAfcon. Ukungathandi kwakhe umqeqeshi ukuvakalise ngomhla abhengeze ngawo amagama wabadlali aza kuya nabo kwiAfrica Cup of Nations. Kwiqela lakhe lokuqala, uBroos ebemfakile uFoster – kodwa wasuswa kwelokugqibela kuba kuthiwe usephantsi kweliso likagqirha.
UBroos uthi wamtsalela umnxeba umqeqeshi weBurnley, uVincent Company, emva kokumbona edlala umdlali. Wakwenza oko uBroos emva kwethuba uFoster engadlali ngenxa yesimo sempilo ebesikhe samphatha kakubi kwiinyanga ezigqithileyo.
“Umqeqeshi wakhe, uVincent Company, wathi uFoster akanokwazi ukuhamba umgama omde ngoko ke akanokwazi ukuya kwiAfcon,” utshilo umqeqeshi obenethemba lokuya noFoster ongomnye wabadlali abadlala kakuhle kakhulu.
“Sikhe sathetha neBurnley kwiiveki ezigqithileyo. Kwathiwa ngeke sikwazi ukumfumana. Ndamfaka kwiqela lokuqala ngoba ndandinethemba lokuba izinto zingangcono. Emva kokuba uFoster edlalisiwe yiBurnley, ndamfowunela umqeqeshi wakhe ndifuna ukwazi ukuba kwenzeka ntoni.
“Wathi udlale amashumi amane anesihlanu emizuzu – kodwa akakulungelanga ukudlala iAfcon ngoba isengavuka ingxaki ebejamelene nayo. Ndathi kuye kulungile kodwa ndiza kufuna ingxelo koogqirha.
“Abethu oogqirha bafumene ingxelo ethi ngeke akwazi uFoster ukuya kwiAfcon koogqirha beBurnley. Ndothukile xa ndimbona edlala kwakhona – kodwa ningandibuzi ngoba kuthiwe imeko yakhe isephantsi kweliso loogqirha,” utshilo umqeqeshi.
Kanti kuvakala ukuba uFoster ngokwakhe ubhalele iSafa incwadi eyazisa ukuba ngeke akwazi ukuya kwiAfcon ngenxa yesimo sakhe sengqondo. “Ukungabikho kwakhe akundonwabisi ngoba uyifolosi edlala kakuhle kakhulu. Kodwa akukho nto endingayenza ngenxa yesimo sakhe sempilo,” uvale ngaloo mazwi uBroos.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!