Ukunyamezela kumncedile uPumeza Zinakile

UPumeza Zinakile uphumelele iwonga legosa lonyaka elisebenze kakuhle ngo-2017 ngoku uthi izakumkhuthaza ngakumbi Umfanekiso: Isolezwe lesiXhosa

EsiXhoseni kukho intetho ethi: “Ekunyamezeleni kukho umvuzo”. Lo mazwi ajike ayinyaniso lihlabe umhlaba, uPumeza Zinakile akakholelwa.

Amehlo wakhe uZinakile athe gwantya iinyembezi zovuyo emva kokukhwazwa kwegama lakhe njengenenekazi lonyaka eliyiphethe kakuhle imidlalo yamanqindi kunyaka ophelileyo (2017).

Nakubeni ukuwongwa kwale ntokazi yaseMdantsane kuze emva kwexesha elide izabalaza emanqindini agcwele amadoda maxa wambi ebajongela phantsi – kodwa wonwabile.

UZinakile ebekhuphisana namanye amanenekazi aziwayo futhi asebenza ngenkuthalo enkulu afana noSylvia Mokaila noNamhla Tyuluba obekucingeleka ukuba angahamba newonga legosa elilinenekazi lonyaka.

Umhla wesibini kwinyanga yoMdumba, eBoardwalk, eBhayi, soze awulibale uZinakile kwaye uyakuhlala unkenteza engqondweni yakhe kude kube naphakade.

“Soze ndilulibale olu suku ebomini bam. Lusuku olukhulu kakhulu, kaloku ukuchongwa uze uphinde uvotelwe njengelona gosa lamanqindi elithe lenza umsebenzi omhle kuthetha ukuthi imisebenzi yakho iyabonakala ebantwini. Andikwazi ukuthi bendingayilindelanga le nto – kodwa andingeke ndithi bendiyilindele ngoba bendingekho ndedwa. Besibathathu – kodwa ekugqibeleni bendisazi mna ukuba ndiwenza kakuhle umsebenzi wam. Ndize ndisazi ukuba ndisebenzile ngo-2017,” utshilo uZinakile kweli phephandaba.

UZinakile, owaqala ukusebenza emanqindini ngo-2009, waya eBhayi enayo intlantsana yethemba lokuphumelela kuye ngenxa yemisebenzi ayenzileyo kunyaka ophelileyo.

“Yonke imilo ndiyiphatha ngendlela efanayo kwaye ndisebenza ngokuzimisela kuyo. Ndingathi umlo ka-Unathi Myekeni no-Asandiswa Nxokwana kwakunye nekaBukiwe Nonina noMkebisi – lo midlalo ndiyiva apha kum ukuba ndiyenzile kakuhle. Mininzi kakhulu imidlalo endiyenzileyo – kodwa leyo ndingatsho ndithi yaphuma phambili,” utshilo uZinakile.

Eli nenekazi lixelele I’solezwe lesiXhosa ukuba bekukho amaxesha ebelifuna ukunikezela ngawo ngenxa yobunzima – kodwa ngenxa yokuthanda amanqindi wagqiba kwelokuba anyamezele.