Ukuphila kwabadlali bePirates kumnik’ ithemba uNcikazi ogolozelwe yiGolden Arrows

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, uMandla ncikazi enika umyalelo uTshegofatso Mabasa noLinda Mntambo emdlalweni weDStv Premiership kutshanje. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Ukungaqhubi kakuhle kwe-Orlando Pirates emidlalweni yeDStv Premiership kuya mnxunguphalisa kakhulu uMandla Ncikazi. Oku kuvezwe nguNcikazi buqu emva kokuba iPirates ibuye nenqaku elinye emdlalweni eqengqe iqanda kuwo (0-0) neGolden Arrows ngempelaveki egqithileyo ePrincess Magogo Stadium. Emva kweshumi elinanye lemidlalo, iPirates ihleli kwindawo yesixhenxe emva kokuqokelela amanqaku alishumi elinantlanu. Ngoku isemva kweKaizer Chiefs ebikhe yasokola kwicala lokuphumelela imidlalo ixesha elide. UNcikazi noFadlu Davids banikwa umsebenzi wokuqeqesha iPirates emva kokumba ngesiquphe kukaJosef Zinnbauer.

Ezona ngxaki ejongene nazo iPirates kukuvuza emva nokungakwazi ukufaka amagowuli. Ezo ngxaki zandiswe kukonzakala kwabadlali abaphambili. Njengokuba beqalile ukuziqeqesha nabanye abadlali ngethuba kuyiwe ekhefini leFifa, uNcikazi unethemba lokuphucuka kweziphumo emidlalweni elandelayo. “Into eyenzekayo andiyazi – kodwa ndinethemba lokuba izinto ziza kuguquka emidlalweni ezayo njengokuba bephilile abadlali abebonzakele. Kuyandivuyisa ukubuya kwabadlali ngoba kusinika ithuba (singabaqeqeshi) lokukhetha abanokunceda iqela. Sifuna ukubuyisa ukuzithemba ebadlalini bethu,” utshilo uNcikazi emva kokugolozelwa liqela asuka kulo, iGolden Arows.

Kubalulekile ukuqinisekisa ukuba kukho ubumbano eqeleni ukuze sikwazi ukuqubisana kakuhle namaqela emidlalweni ezayo. Silindwe yimidlalo enzima kakhulu kwinyanga ezayo – kodwa ndicinga ukuba siza kuqhuba kakuhle. UThembinkosi Lorch, u-Innocent Maela noZakhele Lepasa babuyele enkampini ngokupheleleyo. Akakwazanga ukuzibamba ngenxa yemincili uLepasa owonzakala xa kanye eqala ukuziqaqambisa kwiPirates. Noxa uTshegofatso Mabasa ebeqale isizini kakuhle, izinto azimhambeli kakuhle ngoku. Yena uGabadinho Mhango akadlali ngenxa yokungaziphathi kakuhle kwiindawo zolonwabo. Ngomhla wokuqala, iPirates iza kwamkela iBaroka emdlalweni weDStv Premiership oza kube useSoweto.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Mgqibelo: Mamelodi Sundowns vs Sekhukhune United @Absa Tuks Stadium, 15:30; TS Galaxy vs Cape Town City @Mbombela Stadium, 15: 30

Cawe: Golden Arrows vs Baroka @Princess Magogo Stadium, 15:30; Royal AM vs Stellenbosch @Chatsworth Stadium, 15:30; Swallows vs Kaizer Chiefs @Dobsonville Stadium, 15:30; Maritzburg United vs AmaZulu @Harry Gwala Stadium, 17:30