Ukuphose ngemva okwayizolo uFreese!

Umqeqeshi weHighlands Park, u-Allan Freese, uthi iqela lakhe lizakwenza ngcono kumdlalo ozayo nangona elele intliziyo igobile emva komdlalo wayizolo.

Le ndedeba ibhexesha iqela elitsha kwi-Absa Premier Soccer League ithi izigqibo ezithathwe ngusompempe zimshiye engaxolanga kwaphela emva komdlalo.

IHighlands Park iphulukene nomdlalo wayo wokuqala ukusukela oko iqalile le sizini ngethuba ibethwa yiKaizer Chiefs ngo’1-0 kumdlalo obuseMakhulong Stadium ebizele ime ngeembambo izolo ebusuku.

Eli qela lohlwaywe ngepenela emva kokuba usompempe walohlwaya kabuhlungu kophambi kwalo wayizolo.

Amakhosi afumene igowuli lawo lempumelelo ngepenela efakwe nguGeorge Lebese. Seso sigqibo kanye esingamxolisanga uFreese.

“Kokwesingaphi sibethwa ngolu hlobo? Ziipenela zimbini kwimidlalo ebini – masibambe apho,” utshilo uFreese emva komdlalo.

Nangona kunjalo lo mqeqeshi owayeqeqesha iPlatinum Stars uvumile ukuba iChiefs ibuye inamandla kwisiqingatha sesibini.

“Ibuye ingcono emva kwekhefu iChiefs – kodwa nathi besinawo amathuba okufaka amagowuli nangona ebengacacanga kakuhle. Into emasiyenze kukubuyela emva, siyolungisa iimpazamo zethu.

Sinomdlalo ngoMgqibelo esilindele kuwo iPolokwane City – kuse kutsha kwimidlalo yePSL. Amakhwenkwe azamile, azakwenza ngcono kwilixa elizayo,” utshilo uFreese.