‘Ukuphuhlisa iindawo zabantu yinto esezintliziyweni zethu’

USekela Mphathiswa wezonxibelelwano unkosazana Tandi Mahambehlala, Mzamo Njekane, Nomeva, Azinga Fuzile, Clr Xolani Witbooi (BCMM), Khanyiso Siko, Aphiwe Masangwana..Umfanekiso Lukhanyo Engilane

Usekela mphathiswa wezonxibelelwano uNkosazana
Tandi Mahambehlala uphise ngezixhobo zokudlala amanqindi eDuncan Village Boxing
Association – apho singabalula khona imbethi manqindi ezifana nentshatsheli
yoMzantsi Afrika kudidi losiba u-Azinga Fuzile, uXolisani Ndongeni, owayesakuba
yintshatsheli yomhlaba kudidi le-‘light-weight’ (IBO), Siphosethi Mvula,
owayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi le-‘Juniorbantam-weight’.

Emva kokumenywa yiRumbe Afrika Promotions,
ekhokelwa ngunobhala we-ANC, eMathole District, uTerris Ntutu, kumlo apho
kwakusilwa khona u-Azinga Fuzile, uNkosazana Mahambehlala uthi wabanomdla
kakhulu ukubona apho azilolonga lomfana uchubekengendlela emangalisayo
eqongeni. “Indlela alwa ngayo yenza ndibenomdla wokubona indawo abazilolonga
kuyo. Ukubona kwam indawo abazilolonga kuyo, ndazixelela ukuba ndizakuzama
kangangako ndinako ukuz ndinceda ngokucela amashishini abucala ukuba
basincedise ekuphuhliseni le ndawo zizilolonga kuyo ezi mbethi manqindi ukuze
zihambele phambili. UMultiChoice yenye yeendawo ezisincedileyo kwiphulo lethu
lokuphulisa lendawo.”

Image may contain: 6 people, people standing, shoes and outdoor

Mahambehlala uthi ukuphuhlisa iindawo zokuhlala
zabantu yinto esezintliziyweni zethu silisebe lezonxibelelwano. “Ukuphuhlisa imiphakathi
italente kwindawo zabantu abangathathintweni kusentlizweni yethu.”

Umpathi weDVBA, uMzamo “Chief” Njekane, uthi
uchulumancile luncedo alufumene kusekela mphathiswa neqela lakhe.
“Ndichulumance khakhulu yaye ndiyakholwa ukuba bazakukhuthazeka aba bafana,”
utshilo uNjekane

UMahambehlala uthi abazakuphelela ezixhobeni
koko bazokuphuhlisa nesakhiwo seDVBA. “Umasipala ombaxa iBCM usinikile iphepha
elisivumelayo ukuba sisiqhekeze isakhiwo sizakusilungisa ngendlela esifuna
ngayo ngoba sifuna ukubafakela neendawo zokuhlamba xa begqiba ukuzilolonga,” utshilo
usekela mphathi Mahambehlala.