Ukuphumelela kweqela le Progress kuzise imincili novuyo eTinara

Kugquba umoya wolonwabo lodwa kwidolophu yaseTinara emva kokuba iProgress Rugby Football Club ibuye noloyiso emdlalweni wokugqibela we-Eastern Cape Super 14.

IProgress RFC ibhale iincwadi zombhoxo ngokutsha eMpuma Koloni emva kokubetha iSwallows ngo’28-24 emdlalweni wamagqibela kankqoyi we Super 14 obubukelwe ngabantu abangaphaya kwamawaka amahlanu eBuffalo City Stadium emalanga ngoMgqibelo weveki edlulileyo.

Emva kokugqugqisa emidlalweni ye-Eastern Cape Super 14 kummandla waseNelson Mandela Bay, iProgress iphakamise indebe ekhatshwe ngamashumi amathandathu amawaka erandi emva kokuphelisa ubunganga beSwallows ebidlalela phambi kwabalandeli bayo.

Umqeqeshi wokuqala onike iProgress impumelelo ekudala iyizingela, uEric Toring, uvakalise uvuyo lwakhe ngethuba encokola nentatheli yeli phephandaba ekuqaleni kwale veki.

“Inethuba elide isibaleka le ndebe,” utshilo uToring evuya.

Nangona uToring evumile ukuba iSwallows ibinamandla kwisigaba sokuqala emdlalweni – kodwa uthi liqela lakhe elibonakalise ukunxanelwa impumelelo kakhulu.

“Sithi ebebeyilambele indebe kakhulu. Abadlali bonke bachulumancile kakhulu. Kumandi kakhulu ngoba nabantu base Tinara bonwabile.

Ndingumqeqeshi wokuqala okwazileyo ukuza nale indebe “ uqhayise watsho uToring.

Akukho nokuncinci ukuthandabuza, iProgress inikwe amandla kakhulu ngabalandeli bayo abebephume ngobuninzi babo emdlalweni obuseMonti.

“Abantu basivuyle ekakhulu. Bekungathi singaMabhokobhoko ngethuba ephumelela indebe yehlabathi.

Siyayibulela inkxaso esiyinikwe ngabalandeli bethu base Tinara neendawo eziyingqongileyo,” utshilo uToring oyichaze isizini njengehambe kakuhle watsho encoma igalelo elenziwe ngabancedisi nabadlali bakhe abayamkelayo indlela yakhe yokusebenza.

Abadlali beProgress baza kuphumla kancinci ngoba kufuneka balungiselele itumente kasodolophu ezakuba ikwinyanga ezayo.

Kanti ke eyona tumente enkulu yombhoxo eya kuyo iProgress, yileyo iseSaldanah edlalwa ngamaqela aseNtshona Koloni nakwiindawo eziyingqongileyo.

Kodwa konke oko kwakuthi kwenzeke ukuba kubekho utshintsho emva kokuba imibutho yemidlalo iyinqumamisile imidlalo ngenxa yesifo secorona.