Ukurhoxa kwabadlali kumpopanisile uBaxter!

Abadlali beBafana Bafana bezilolonga eMarks Park

Abantu baseMpuma Koloni bafumene inyhweba enkulu emva kokuba iSafa ithe mayizise omnye umdlalo eMonti.

IBafana Bafana iqubisana neZambia kumdlalo ohlakulela iChan, eBuffalo City Stadium ngo’15:00 ngoMgqibelo.

Iqela lesizwe lidlale ne-Angola kwalapha eMonti ekuqaleni kwalo nyaka – ngoku liyabuya futhi. Lo nto izindaba ezimnandi kwiBuffalo City Municipality ezama ukuzicacisa njengenye yeendawo ezisingatha imidlalo emikhulu.

Kwiveki ephelileyo, iBuffalo City ibisingathe umdlalo wePremier’s Cup obuphakathi kweChippa United neKaizer Chiefs eSisa Dukashe Stadium.

“Sikulungele ukusingatha lo mdlalo wangoMgqibelo. Ibala ekuzakudlalelwa kulo sililungisile kwaye nakwezokhuseleko sesilungile,” itshilo ingxelo ekhutshwe ngumasipala.

“Eyona nto esichulumancisayo thina singumasipala kukuba kule midlalo kuxhamla abalandeli bebhola ndawonye noosomashishini ngakumbi apha ebaleni. Imidlalo emikhulu njengale inomtsalane kubantu abaninzi lo nto iye ifunqule kakhulu noqoqosho kwesi sixeko sethu,” itshilo ingxelo yeBuffalo City.

Kwelinye icala uStuart Baxter uzama umqeqeshi ukuvuselela nokuqinisa iqela lesizwe – kodwa ingxaki emveleleyo kukurhoxa kwabadlali abalishumi.

Lo mqeqeshi uzama ukusebenzisa imidlalo yeChan njengeyona ndlela yokuvavanya nokunika abadlali abatsha.

Ukurhoxiswa kwabadlali abathile ngamaqela wabo kumshiye epopene engqondweni lo kaBaxter – kodwa njengegqala uye waxoza omnye umphini kusakhanya. Ukusebenza kwezo nquleqhu kwakubonakala ngomhla womdlalo.

“Siyazi okokuba lixesha elibi eli, amaqela alungiselela isizini entsha – kodwa ukurhoxa kwabadlali kuyasidida. Akululanga kuthi kwiqela lesizwe ngoba isiphazamisile lo nto. Satsho ngaphambili ukuba kufuneka sinike amathuba abadlali abatsha kule midlalo. Singavuya ukuya kwiChan ngabo – kodwa ukutshintsha iqela kuyaphazamisa. Nangona kunjalo siyawabulela amaqela asebenzisene nathi,” utshilo uBaxter.