UKurt Lentjies angayinceda iChippa eduda ndawonye kwiDStv Premiership?

UKurt Lentjies ngumqeqeshi obambeleyo emva kokushenxiswa kukaGavin Hunt kwiChippa United. Umfanekiso: CU/Facebook

Emva kokuzibamba ixesha elide, uMnu. Siviwe Mpengesi, ude wamsusa uGavin Hunt esikhundleni esitshisayo sokuqeqesha iChippa United. Kuthiwe makathi gu bucala uHunt emva kokuphumelela umdlalo weDStv Premiership omnye kuphela kwisizini ka2021/22. Umthetho wakhe uMpengesi ubagxotha abaqeqeshi xa imidlalo imihlanu edlaliweyo – kodwa umnyamezele kuGavin Hunt amnqumamisileyo ngoku. Akukho themba lokuba uHunt angabuyela kwiChippa. Ukumnqumamisa yindlela nje yokumgxotha kwaye iingxelo zithi uMpengesi ukhangela umqeqeshi onokunceda iqela lakhe elisinde ezembeni kwisizini egqithileyo. Ingaba ukugxotha kuza kwenza umahluko? Akukho bani owaziyo – kodwa eyona nto ibalulekileyo kuMpengesi kukuhlala kweqela lakhe kwiDStv Premiership xa kuphela isizini.

Ukuthotyiselwa kweChippa yeyona nto ayoyikayo uMpengesi emva kwezigidi zerandi azinikwa yiNelson Mandela Bay Metro neBuffalo City Municipality. Abantu abanikwe uxanduva lokuzinzisa inqanawe okwethutyana nguKurt Lantjies noSiya Gwambi. ULentjies unethuba elide noko engumdlali weChippa. Kanti naye uGwambi ebekhe wabamba iChippa United igxothe umqeqeshi kwisizini egqithileyo. Kuhle ngoba bayabazi abadlali. Umsebenzi wabo uza kuqala kule veki xa iChippa isiya kwiBaroka FC emdlalweni weDStv Premiership oza kudlalelwa ePeter Mokaba Stadium emalanga ngoMgqibelo.

Omabini amaqela akaqhubanga kakuhle emidlalweni kule isizini – kodwa yona iBaroka isendaweni ebhetele okwangoku ngoba ikwindawo yeshumi elinambini. Kanti yona iChippa United ikwindawo yeshumi elinesine. Inamanqaku asixhenxe qha emva kokudlala imidlalo elishumi. Eyona ngxaki yeqela laseMpuma Koloni kukungabinaye umdlali ofaka amagowuli. Bekukho ithemba lokuphucuka kwezinto emva kokufika kukaPhakamani Mahlambi – kodwa ingxaki ucitha ixesha elininzi engadlali. Ukuze iChippa ikwazi ukusinda ezembeni kwakhona, kufuneka iphumelele imidlalo kwangoku kusekho ixesha.