Ukuthathwa kukaJessica Motaung yiCAF kuqhwatyelwe izandla nguSafa

UGqirha Danny Jordaan weSafa noJessica Motaung oza kusebenzela iCAF. Umfanekiso: KC

UJessica Motaung uyazichitha iintente elizweni lakhe njengokuba eza kuba ngumhlali waseYiphutha – apho aza kuqala khona umsebenzi wakhe omtsha. Kwiveki ephelileyo, uVeron Mosengo-Omba ongusosiba jikelele weCAF, ubhengeze ukuchongwa kukaMotaung njengelinye lamalungu wekomiti eququzelela ibhola ekhatywayo yamanenekazi kwizwekazi le-Afrika (Organising Committee for Women Football Standing Committee) isithuba seminyaka emibini (2022 – 2024). UMotaung unethuba elide engumphathi wezentengiso kwiKaizer Chiefs kwaye uyaziwa ebholeni ekhatywayo jikelele. Eyokuthathwa kwentombi kaMnu.Kaizer Motaung ithe gqi ngethuba iCAF izama ukufunqula ibhola ekhatywayo yamanenekazi kwizwekazi le-Afrika phantsi kwesikhokelo sikaGqirha Patrice Motsepe obe ngumonganeli wayo (iCAF) ekuqaleni konyaka ophelileyo.

“Yinyhweba newonga elikhulu kum ukuba yinxalenye yekomiti yeCAF. Ndizimisele ukusebenza noGqirha Danny Jordaan noGqirha Patrice Motsepe xa kusakhiwa ibhola yamanenekazi,” utshilo uMotaung esamkela umsebenzi wakhe omtsha. UMongameli weSafa, uGqirha Jordaan, ukwamkele ngovuyo olukhulu ukuchongwa kukaJessica watsho esithi iCAF idinga abantu abanje ngaye. “Siyakuvuyela ukuchongwa kwakho yiCAF. Le nto yenzeka ngexesha elifanelekileyo ebholeni yaseMzantsi Afrika neyehlabathi. Sidinga abantu abanje ngawe abanokuncedisa ekwakheni ibhola ekhatywayo yamanenekazi kwaye siqinisekile ukuba uza kwenza umsebenzi omhle kwiCAF,” utshilo uGqirha Jordaan ekhulula uMotaung.

Usihlalo weChiefs uyikhulule ngentliziyo ekhululekileyo intombi yakhe. “Siyazingca futhi kuyasonwabisa ukubona umntu ophuma kuthi ekhula ebholeni ekhatywayo. Ukuchongwa kwakhe yedwa apha eMzantsi Afrika kukodwa kuthetha into enkulu. Siqinisekile uza kuwenza kakuhle umsebenzi awubizelweyo,” utshilo uMnu. Kaizer Motaung. Akungenanga kakuhle kwabanye abantu ukuchongwa kukaJessica nangona enethuba elide ebholeni kuba bekhala ngoba iChiefs ayinalo iqela lebhola yamanenekazi. Ngokokutsho kukaJessica kulindeleke iChiefs yenze isibhengezo malunga neqela lamanenekazi.