Ukuthelekiswa kwaqela omnyazi kwamkelwe ngovuyo nguMzantsi Afrika!

Iqela lomnyazi loMzantsi Afrika emva kokuphumelela iDiamond Championship kutshanje. Umfanekiso: Facebook

Alishumi elinesithandathu amaqela aza kuthatha inxaxheba kwitumente yehlabathi yomnyazi eza kubanjelwa kwisixeko saseKapa, eMzantsi Afrika, kunyaka ozayo. Oku kuqinisekiswe ngumbutho olawula ibhola yomnyazi phambi kokuthelekiswa kwamaqela kwindibano ebibanjelwe eMonti kwiveki ephelileyo. Amazwe aphambili kumanqwanqwa ehlabathi afana noMzantsi Afrika, iAustralia, iNgilane, iJamaica, i-Uganda neNew Zealand angene wona ngaphandle kokuzidlalela iindawo zawo ngoba aphezulu kuluhlu lwamaela angoompondozihlanjiwe kwihlabathi.

Ukuthelekiswa kwamaqela kufana nesiqinisekiso sesibini esithi ngokwenene itumente yehlabathi yomnyazi iza eAfrika okokuqala embalini yezemidlalo futhi ikwa sisiqalo somsebenzi onzima woMzantsi Afrika. KuGroup C, iSPAR Proteas (Mzantsi Afrika) uthelekiswe namazwe afana neJamaica, iWales neSri Lanka. Kuthe xibilili izibilini kwaboMzantsi emva kokuba uthelekiswe namazwe amabini angezantsi kuwo kumanqwanqwa ehlabathi ebholeni yomnyazi.

Umsebenzi omkhulu kaNorma Plummer wokuqinisekisa ukuba iqela lesizwe likulungele ukudlala kakuhle ekhaya iqalile. UPlummer uyolandwa kwinyanga ephelileyo yiNetball South Africa emva kokungaqhubi kakuhle kweSPAR Proteas phantsi kukaDorette Badenhorst kwimidlalo yamazwe angamathanga eBermingham. UMongameli weNetball South Africa, uCecilia Molokwane, ulwamkele ngovuyo uthelekiso lwamaqela watsho ewanqwenelela okuhle kodwa.

“Indlela athelekiswe ngayo amaqela iyasonelisa kakhulu. Athelekiswe ngqo ngendlela efanelekileyo. Sifuna ukunqwenelela okuhle onke amaqela njengokuba elungiselela ukuza kwitumente yehlabathi. Abadlali bethu basebenza ngokukhulu ukuzimisela enkampini ngoba bafuna ukuvala itumente ngempumelelo,” utshilo uMolokwane emva kothelekiso lwamaqela eMonti. Amatikiti okungena emidlalweni yetumente yomnyazi ayathengiswa kwiindawo ezithengisa amatikitiki. Itumente iza kuqala ekupheleni kwinyanga yeKhala ukuya kwiveki yokuqala kwinyanga yeThupha kunyaka ozayo.