UKutumela noNdlovu baqinisekise indawo yeMaritzburg United kwakhona kwiPSL

Mbulelo Wambi of Royal Eagles and Siphesihle Ndlovu of Maritzburg during the National First Division Playoffs 2018/19 match between Royal Eagles and Maritzburg United on the 29 of May 2019 at Chatsworth Stadium, Limpopo PicBackpagePix

Umqeqeshi weMaritzburg
United, uEric Tinkler, uza kulala okwesana namhlanje emva kokuba iqela lakhe
liqinisekise indawo yalo kwiPremier Soccer League. IMaritzburg ibethe iRoyal
Eagles ngamagowuli amabini (2-0) emdlalweni wokuzibekela indawo kwinqanaba
eliphezulu lebhola yaseMzantsi Afrika, eChatsworth Stadium, emalanga namhlanje.
Amagowuli weTeam of Choice afakwe sisiququ somdlali wasesiswini uSiphesihle
Ndlovu nefolosi uThabiso Kutumela. IMaritzburg kuye kwanyanzeleka okokuba
idlale imidlalo yokuxabangela emva kokuvala isizini yePSL ka-2018/19 ihleli
kwindawo yeshumi elinantlanu.

Amakhwenkwe
kaTinkler aye emdlalweni wanamhlanje efuna inqaku elinye kuphela ukuze ahlale
kwiPSL. Oku kwenzeke emva kokuba iMaritzburg ibethe iTshakhuma Tsha Madzivhandila
neRoyal Eagles kwimidlalo egqithileyo. Ukuze iRoyal Eagles iqinise ithemba layo
lokunyuselwa, bekufuneka iphumelele umdlalo wanamhlanje – kodwa njelishwa layo –
izinto aziyihambelanga kakuhle. Ukuhlala kweMaritzburg United kwiPSL
ngumsebenzi omhle owenziwe nguTinkler nabadlali bakhe abasokole isizini yonke. Kulindeleke
abadlali beTeam of Choice bazithaphulele kwimali yebhonasi ekuthiwa
bebeyithenjisiwe phambi kwemidlalo yokuxabangela (PlayOffs).