Ifolosi esandula ukutyikitywa yi-Orlando Pirates, uThabiso Kutumela, obedlala kwiBaroka FC kwisizini ka2015/16, uzakulala ubuthongo obehlayo emva kokuba ethe wanceda iBaroka FC yenyuselwa kwiPremier Soccer League.
UKutumela ngoyena mdlali uhambe phambili ngamagowuli kwisizini ephelileyo kwiNational First Division ngamagowuli alishumi elinesibhozo. NgeCawa nguye onike iBaroka igowuli lokulinganisa ngethuba ibidlala neMilano United.
Ukudlala kwiPirates kuza kunika uKutumela ithuba lokudibana noGift Motupa, umdlali owayengugxa wakhe ngaphambili kwiBaroka. Umqeqeshi weBaroka uKgoloko Thobejane uvakalise ukonwaba yimpumelelo yeqela lakhe.
“Ndibulela wonke umntu osincedisileyo, nabantu baseLimpopo ngenkxaso yabo.
Besizixelele ukuba sifuna iHighlands Park isileqe kodwa ayikwazanga ukusifumana.
Kugqityiwe ngoku, siphumelele,” utshilo uThobejane.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo