Ukuwa kwaMapolisa, kuvula indlela yeWSU All Blacks!

Abadlali beWSU All Blacks emva komdlalo eSisa Dukashe Stadium kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Maya Images.

Itumente yombhoxo ekuthiwa yiBrutten Top 10 inika umdla ngakumbi ngoku ingena kuvuthondaba. Kwiiveki ezine ezigqithileyo kudlalwa, amaqela adlale umbhoxo osemgangathweni ophezulu kakhulu. Phakathi kwamaqale abejongwe kakhulu ekuqaleni kwetumente bekukho iEL Police neSwallows. Lo nto yenziwe kukuba kukhonye iEL Police ixesha elide embhoxweni weMpuma Koloni. Khange iqheliselwe kodwa apha kwiBrutten Top 10. Iqale yabethwa yiFort Hare Blues phambi kokuphindwa kwiveki ephelileyo.

AmaPolisa abethwe yiWSU All Blacks ngo’21-12 acula ingoma ethi ‘Izixhoba zam ziwile, zithathwe ngusathana’. Loo ngoma ihambelana ncamashi nomsebenzi owenziwa yiWSU All Blacks ngoku. Emidlalweni emithathu, iyiphumelele yonke eyidlalileyo. Lo nto icacisa mhlophe indlela ezimisele ngayo nenxanelwe ngayo ukuphumelela. Elinye iqela eliyingozi kule tumente yiFort Hare Blues evuthulule iBrothers (United) ngo’50-10. Yona iSwallows izingombele iKomga United ngo’24-14.

Komnye umdlalo, iYoung Leopards icambalalise iFB United ngo’39-8 emidlalweni odlalelwe eSisa Dukashe Stadium, eMdantsane. Amaqela amaninzi aza kuphinda azame ukwenza izilungiso xa edibana eSisa Dukashe Stadium ukusukela ngentsasa yangeCawe. Inkundla iza kuvulwa yiWSU All Blacks eza kudibana ne’United Brothers. Akukho nto eza kuyisokolisa iWSU All Blacks ngoba iBrothers isazikhotha amanxeba emva kokubethelwa oogqirha nezicaka yiFort Hare Blues kwiveki ephelileyo.

Kanti yona iFB United iza kudibana neKomga United. Umdlalo oza kujongwa ngabantu abaninzi ngophakathi kweFort Hare Blues neLovedale College ekwaziyo ukulwa. Kunyanzelekile iLovedale iphumelele ngoba ikhe yagqwidiza endleleni. Yona iYoung Leopards iza kudibana neBCM eyingozi. Amaqela angaqhubanga kakuhle kufuneka aphumelele ngoba aza kuhluzwa njengokuba kusiyiwa kwisigaba esilandelayo seBrutten Top 10 exhaswa yiTekkie Town phantsi kweBorder Rugby Union.