Ukuzithemba kubuyile kubadllali beKaizer Chiefs

UGeorge Maluleka weKaizer Chiefs

Amakhosi abuyele phezulu kwiPremier League emva kokuphumelela imidlalo emihlanu yonke ilandelelana.

Oku kwenzeka emva kokutsala nzima kwisigaba sokuqala sale sizini. Umdlali ophambili weli qela lasePhefeni, uGeorge Maluleka, uthi ukungadlali kweChiefs imidlalo yeCaf kuyinika ithuba lokujongana nemidlalo yePSL qha.

IChiefs ithe ngcu kwindawo yokuqala emva kokubetha iHighlands Park ngo’1-0 kumdlalo obuseMoses Mabhida Stadium kwiveki ephelileyo.

Ukhuphiswano phakathi kwamaqela afuna indebe yePSL luthande ukuba nzima ngoba iChiefs ikhuphisana neSuperSport United, Bidvest Wits, iCape Town City eze kakubi neMamelodi Sundowns ebethe iPlatinum Stars ngo’2-1 kule veki.

IDowns, Wits neSuperSport zithi zikwimidlalo yePSL zibe zingapha kweyeCaf. UMaluleka ucinga ukuba amaqela abakhuphisana nawo azakuphazamiseka ekuhambeni kwexesha.

“Ukudlala kwabo kwiCaf kungabaphazamisa. Ndiyayazi le nto ndithetha ngayo, besikuyo nathi ngaphambili. Saphulukana nendebe yePSL kwiSundowns kushiyeke imidlalo elishumi elinanye. Salahlekelwa ngamanqaku, lo nto yenza akwabikho zinzo,” utshilo uMido.

UMaluleka ngomnye wabadlali abadlala kakuhle kwiChiefs kwaye ufumene amawonga aliqela njengomdlali oqaqambileyo.

“Asizikhathazi ngamanye amaqela. Sifuna ukuqinisekisa ukuba umdlalo ngamnye usinika iziphumo ezihle. Isiqalo sethu emva kwekhefu sibe sihle. Ukuzilungiselela kwethu kuyasinceda. Kusekusasa – kodwa singaqhuba kude kuphele isizini,” utshilo uMido.

Amakhosi adlala ne-Ajax Cape Town ngoMgqibelo e-Athlone Stadium ngo’20:15. Iziphumo zalo mdlalo ukuba ude wadlalwa zakuthi ziqinise amathuba weChiefs wokubamba indebe yePSL ekugqibeleni kwesizini.

Imidlalo yePremier Soccer League:

NgoLwesihlanu: Chippa United vs Golden Arrows @Sisa Dukashe Stadium 20:00

NgoMgqibelo: Orlando Pirates vs Polokwane City @Orlando Stadium 15:30; Bloem Celtic vs Platinum Stars @Dr Molemela Stadium 15:30; Mamelodi Sundowns vs Bidvest Wits @Loftus Stadium 18:00; Highlands Park vs SuperSport United @Makhulong Stadium 20:15

NgeCawe: Maritzburg United vs Free State Stars @Harry Gwala Stadium 15:30; Baroka FC vs Cape Town City @New Peter Mokaba Stadium