Ukuzivocavoca yimpilo eRevelation Church of God

Icawe iRevelation Church of God ibizimase umsitho apho izimanye kuhambo obe lusuka eAmalinda ukuyokutsho eJan Smuts StadiumUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Umfundisi webandla laseRevelation Church of God ukhuthaza abantu okokuba bahlale bezilolonga ngamaxesha onke ukuze bagcine imizimba yabo isempilweni entle.

Kwimpelaveki egqithileyo, amalungu abalelwa kwinani elisondele kwiwaka webandla eliseMonti, athathe uhambo ngeenyawo olusuke kwibala lase-Amalinda layokuqhina eJan Smuts Stadium – apho bafike bazivocavoca khona.

Injongo yohambo ngenyawo ibikukukhulula nokolula imizimba nemilenze eqotholeyo. Umfundisi uMprofeti S.B. Radebe uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba ibandla lakhe lagqiba kwelokuba lincedisane nabantu ngokuseka amaphulo wezempilo kuzo zonke iindawo elikuzo ukuze abantu bakhanyiselwe ngokubaluleka kokugcina imizimba yabo iphilile.

“Olu suku lubaluleke kakhulu kuthi. Siyicawe saqala amaphulo wokolula imizimba kuba sabona ukuba abanye abantu bayagula kube bengakwazi ukujonga impilo yabo. Injongo yethu yayikukuthi ebantwini mabayijonge impilo yabo ngoba babesiza enkonzweni balindele imimangaliso ngesimo sempilo yabo kube kungazukuba njalo. Ndiya bakhuthaza abantu ukuba bazilolonge futhi batye ukutya okunezakhamzimba ngoba inyama iyafuna ukugadwa. Sifundisa abantu ngokuzigcina. Kutshanje besiseGoli ngoku siza

kuya eThekwini,” utshilo uRadebe.

Utata onama72 eminyaka uSigampolo Seyi uhambe umgama ongaphaya kweekhilomitha ezilishumi kwaye uluvuyele kakhulu ithuba abalinikwe yicawe yakhe.

“Indinceda kakhulu le nto, nangoku umzimba utsho ndawuva ulungile. Ndithe xa ndiyijonga le nto, ndayibona njengento enokundiphilisa impilo ende xa ndiphila ndihamba olwa hlobo. Ibaluleke kakhulu le nto ngokuba incedisana nathi empilweni,” utshilo uSeyi.

ULungisa Ngqolosi waseMthatha obe yinxalenye yomsitho uthethe wenjenje: “Ndisuke nabanye abantu apho kuqalwe khona ndade ndazokufika apha. Bekumnandi kakhulu nendlela ibilungisiwe ngokuba amasoja ngabantu abanobubele nenkathalo. Ndize apha ngenxa yesakhono sam sokubonga abasibonayo ngenye imini.”