Ukuzuza iNdebe yeHlabathi yinto ekhethekileyo, utsho uLukhanyo Am

ULukhanyo Am, Makazole Mapimpi noJaden Hendrikse. Umfanekiso: Facebook

Omnye wabadlali abaphambili embhoxweni waseMzantsi Afrika, uLukhanyo Am, uthi ukuphumelela iNdebe yeHlabathi yinto enkulu futhi ekhethekileyo kuye. Ukuthethe oku eMonti kwimpelaveki egqithileyo.

Ebeyinxalenye yaMabhakobhoko abhiyozele impumelelo yawo kwiilokishi ezifana noMdantsane, iZiphunzane neDuncan Village eziphantsi kweMonti ebime ngxi ngamawakawaka abantu abe bephume ngobuninzi. Ekupheleni kwenyanga yeDwarha, uMzantsi Afrika wenze imbali embhoxweni wehlabathi ngokuba liqela lokuqala eliphumelele iNdebe yeHlabathi izihlandlo ezine.

AmaBhokobhoko abuyele eMzantsi Afrika ekuqaleni kweveki ephelileyo ethe qhiwu iNdebe yegolide emva kokubetha iNew Zealand ngo’12-11 emdlalweni wokugqibela eStade de France.

ULukhanyo uphakathi kwabadlali abathe banethamsanqa lokuphumelela iNdebe yeHlabathi kabini. Eyokuqala wayifumana eJapan – apho wenza indima engasoze ilityalwe ngethuba enika uMakazole Mapimpi ibhola endaweni yokulala ngokwakhe emgceni.

Akakwazanga ukudlala kwitumente yehlabathi yalo nyaka ngoba uye enkampini mva ngenxa yonzakala kakubi okumvelele phambi kwetumente. Ngelishwa uye wabizwa endaweni kaMapimpi ngenxa yokonzakala okumveleleyo naye.

“Siyayibulela inkxaso esiyinikwe ngabantu. Ibivakala kuthi siseFrance,” utshilo uLukhanyo ethetha neentatheli eMonti ngempelaveki egqithileyo. “Ngabaqeqeshi abaqinisekise ukuba sigcina umgangatho womdlalo wethu uphezulu ukusukela kwitumente yango2019.

“Asimazi umntu oza kuqeqesha iqela – kodwa okwethu kukonwabela impumelelo esiyifumeneyo. Bekunzima ukumelana nokonzakala phambi kokuqala kwetumente yehlabathi – kodwa ndaye ndamkela ngoba ukonzakala yinxalenye yomdlalo wombhoxo.

Kwabamnandi kum xa ndibizwa kwakhona emva kokuphila kwam. Siyazingca ngokwenziwe liqela futhi sinethemba lokuba liza kuphumelela kwakhona kwilixa ezayo,” utshilo uLukhanyo. AmaBhokobhoko amkelwe kakuhle kakhulu ngabantu baseMonti – kodwa abantu baseGqeberha bashiyeke bekhathazekile ngoba abayanga kubo.