Umqeqeshi weChippa United, uKwanele Kopo, ubethe ngenqindi phantsi ngelithi ngeke iqela lakhe libethwe imidlalo ilandelelana, ngakumbi kwedlalelwa ekhaya. Lo mqeqeshi ukuthethe oku emva kokuba iChippa United idlale kakuhle nakubeni ibethiwe yiMamelodi Sundowns emdlalweni weHome of Legends Cup ngempelaveki egqithileyo eNelson Mandela Bay Stadium.
Uvakalise uchulumanco yindlela abadlali abasakhulayo abadlale ngayo watsho esithi kufuneka badlale bhetele emidlalweni yeBetway Premiership. “Sidlale kakuhle neSundowns futhi andikhumbuli ikhabela ezipalini zethu ngoba umdlalo ubulawulwa sithi. Indonwabisile indlela abadlali abasebenze ngayo ebaleni namhlanje.
“Sinike ithuba lokudlala abadlali abasakhulayo nabasuka kwiDiski Challenge abafana noNdlovu ofake igowuli,” utshilo emva komdlalo. Onke amaqela asebenzise abadlali abatsha abaninzi. Into encomekayo kukuba bonke badlale kakuhle kuyo yonke imidlalo ngempelaveki. “Akekho umntu obeyilindele indlela esidlale ngayo namhlanje.
“Besinawo amathuba okubetha iSundowns – kodwa sibethwe kukungakwazi ukugqibezela phambili. Into endibaxelele yona kukuba asikwazi ukudlala kanje sidlala neSundowns emva koko sibethwe ngamanye amaqela kwiBetway Premiership.
“Asikwazi ukuthoba umxakatho emva kokudlala kakuhle namhlanje,” utshilo uKopo onethemba lokuba abadlali bakhe baza kwenza umsebenzi ofanayo xa iChippa idibana neSuperSport United emdlalweni olandelayo oza kube ubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium.
Umqeqeshi uxelele iintatheli ukuba bavene ukuba bangaphinde babethwe xa bedlalela ekhaya emva kokubethwa yiStellenbosch kutshanje. Okwesibini, iqela kunyanzelekile lifumane iziphumo eziphucukileyo emidlalweni elandelayo. “Abantu abaninzi bayabona ukuba kukhona ukuphucuka kwezinto kwiChippa ukusukela oko sifikile.
“Zange ndibenayo ingxaki nabadlali ukusukela oko ndafika apha futhi ke ndiyayincoma indlela abasebenza ngayo. Abantu babethetha izinto ezininzi ngabo phambi kokufika kwethu apha. Wonke umntu uyamkele kakuhle into esizama ukuyakha.
“Sakha iqela elomeleleyo apha. Ndinethemba lokuba abadlali baza kuyithatha baye nayo phambili indlela abadlale ngayo. Ukuba singadlala ngendlela esidlale ngayo, abantu bangayibona le nto siyakha apha eMpuma Koloni. Andiqondi ukuba kukho umntu ongaphoxwa kukuba sibethwe yiSundowns kwiipenela.
Ayakhala amafama aseMelika ngesigqibo sikaTrump