Akawuvali umlomo umqeqeshi weChippa United emva komsebenzi omhle owenziwe nguAndile Jali emdlalweni wayizolo. UKwanele Kopo uthethe kamnandi ngoJali nakubeni iChippa United ibethwe yi’Orlando Pirates ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni wokuqala weBetway Premiership obubanjelwe e’Orlando Stadium, eSoweto.
Nangona uJali, 34, wagqibela ukudlala ibhola ekuqaleni konyaka – kodwa ukhumbuze abantu abaninzi into ayiyo ngethuba efaka igowuli elihle ekude izolo. Ngelishwa uTshegofatso noMonnapuleng Salen baye bafaka amagowuli ephumelele ngawo iPirates. Abaqeqeshi bamqalise umdlalo onzima – kodwa uzamile ukuyinceda iChippa ebiphantsi koxinizelelo ngamanye amaxesha kwisigaba sokuqala somdlalo.
Khange abuye kwisigaba sesibini ngenxa yokwenzakala akufumene emlenzeni wakhe. “Esiswini besinoJali – kodwa uye waphuma ngoba ebetsaleke isihlunu. Siye samcela ukuba agqibe oku kwesigaba sokuqala,” utshilo uKopo emva komdlalo eSoweto izolo.
“Ukuphuma kwakhe emdlalweni kubangele ingxaki ngoba kuye kwasinyanzela ukuba sibuyise uAyabulela Konqobe aze embindini webala. Sifake umdlali wasephikweni ngoba besingakwazi ukudala amathuba ngengxa yodonga obelenziwe esiswini yiPirates.
“Asikwazanga ukudlala ngendlela esidlale ngayo kusekho uJali ebaleni. Lo nto inike iPirates amandla okuza kuthi ingxamile. Besinethemba lokubona umahluko kwiinguqu esizenzileyo – kodwa khange kube njalo,” utshilo uKopo emva komdlalo.
Umqeqeshi uthe uJali ufakwe emdlalweni engekabikho kwisimo esihle – kodwa usetyenzisiwe ngoba bekudingeka umdlali onjengaye. “Yena akakulungelanga ncam ukudlala – kodwa sibone kufanelekile ukuba simsebenzise ngenxa yeengxaki esinazo.
“Besifuna ancede abanye abadlali ebaleni. Besisazi ukuba siza kukwazi ukudlala ibhola kakuhle xa kukho yena esiswini,” utshilo umqeqeshi. Ngoku iChippa United ilungiselela ukudibana neRichards Bay emdlalweni oza kube useMonti ebusuku ngoMgqibelo.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’