USinoxolo Kwayiba uncede iChippa United ebethe iMagesi FC ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obumhle eBuffalo City Stadium ebusuku namhlanje. Iqhawe layo iChippa namhlanje nguKwayiba ofake amagowuli amabini kwisigaba sokuqala. Izamile ukulwa iMagesi – kodwa wala uStanley Nwabali ezipalini.
Umdlalo ubumhle ngoba amaqela ohlulelene ngomdlalo. Oonozinti benze umahluko bobabini. IChippa United iye kwixesha lokuphumla ihamba phambili ngamagowuli amabini eqandeni. Emva kokunkqonkqoza izihlandlo ezibini zilandelelana uSinoxolo Kwayiba ubhakuzelise umnatha emzuzwini wesixhenxe kwisigaba sokuqala somdlalo.
Khange iphozise maseko iMagesi, ilantye iibhola zayo phambili ikhangela igowuli lokulinganisa. Akwenzekanga oko ngoba nabo abadlali beChippa bebedlala kakuhle emva kokuba befumene ukuzithemba kwigowuli elingene kwangoko emdlalweni.
Nakubeni iMagesi idume ngokukwazi ukuvala amazibuko xa idibene namaqela ahlaselayo – kodwa nguElvis Chipezeze obexakekile. Uvale iibhola ezimbi iChippa ifuna into ebilapha. USephelo Baloni, obeyinkathazo ekunxele, uzamile ukukhabela ezipalini – kodwa wala uChipezeze oncede iMagesi yaphumelela iCarling Cup kutshanje.
Kuthe xa kushiyeke imizuzu embalwa kuphele isigaba sokuqala, uKwayiba wenze adume ngazo kwakhona ngokufaka igowuli lesibini emdlalweni. Kuthande ukuba nzima kwisigaba sesibini ngoba iMagesi ibiphantsi koxinizelelo. Ihlasele ngamandla yade yafumana ipenela.
Ngelishwa layo, uStanley Nwabali, ovale iibhola ezimbi kwisigaba sokuqala, uyibethe yaphuma ecaleni ipenela ekhatywe nguChirambadare obeyinkathazo kwicala lasekhohlo. Uphelile umdlalo ingakwazanga ukufumana amagowuli oneleyo iMagesi emdlalweni ezamileyo ukulwa kuwo kwisigaba sesibini somdlalo.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika