UKwem uthi uyayazi ibhola umqeqeshi weTS Galaxy omtsha

USead Romavic ngumqeqeshi omtsha weTS Galaxy.

Ifolosi yeTS Galaxy, uAugustine Kwem, ithi umqeqeshi wayo omtsha yindoda eyaziyo ibhola ekhatywayo. Oku ukuthethe kumajelo eendaba enkampini – apho iTS Galaxy ilungiselela khona umdlalo wayo olandelayo enethemba lokuzuza kuwo impumelelo yayo yokuqala kule sizini. Iqela likaMnu. Tim Sukazi likhombe emnyango u-Owen Da Gama emva kokungaqhubi kakuhle emidlalweni emihlanu yokuqala. Kwiveki ephelileyo, iTS Galaxy yamkele umqeqeshi omtsha uSead Ramovic osuka kwilizwe laseJamani. URamovic unomsebenzi onzima kakhulu wokususa iTS Galaxy endaweni yokugqibela kwiDStv Premiership. Emidlalweni emithandathu, ibethwe kane yaze yadlala ntanganye kwemibini. Njengokuba amaqela ebephumle iveki yonke ngenxa yemidlalo yeFIFA, abadlali beTS Galaxy bafumene ithuba elihle lokuziqhelanisa nomqeqeshi omtsha phambi kokwamkela AmaZulu emdlalweni oza kube useMbombela Stadium ngoLwesibini weveki ezayo.

Kungaphelanga ntsuku zingaphi, uKwem umncomile umqeqeshi omtsha watsho emchaza njengomntu onolwazi ngendlela encomekayo ngebhola ekhatywayo. “Uyayazi ibhola. Iyabonakala lo nto xa umntu ejonga imbali yakhe. Siza kakuhle noko. Umdlalo wobuhlobo esiwudlale neJDR ngethuba lekhefu siwuphumelele, Sisiqale esihle ke eso. Into efunekayo kuthi kukulungisa iimpazamo esizenzileyo emidlalweni egqithileyo. Ndisebenzela ukubuyela eqeleni nam njengokuba bendikhe andadlala ngenxa yokonzakala,” utshilo uKwem, okwathe ithemba leziphumo ezihle lisekhona. “Sisenalo ithemba kakhulu ngoba sidlala kakuhle. Sonke siyazi ukuba indawo esikuyo ayisifanelanga. Sifuna ziguquke izinto xa sidibana naMaZulu. Eyona nto ekufuneka siyenzile kukuvala kungafakwa amagowuli kuthi. Amagowuli angene kuthi ayatyhafisa ngoba ayingomagowuli ebekufanele ukuba angene kuthi,” utshilo uKwem obekade edlalela iChippa United kwiisizini ezigqithileyo.