ULaffor uthi kufuneka bayilumkele iSwallows emdlalweni oseGqeberha!

Anthony Laffor of Chippa United during the DStv Premiership 2020/21 game between Chippa United and TS Galaxy at Nelson Mandela Bay Stadium in Port Elizabeth on 20 February 2021 © Deryck Foster/BackpagePix

Ifolosi yeChippa United, uAnthony Laffor, uthi iqela lakhe linawo amathuba okubetha iSwallows…ukuba abadlali babamba indlela afuna kudlalwe ngayo umqeqeshi. Emva kokumnceda iChippa United ngethuba ibetha iRichards Bay ngo’2-1 emdlalweni weNedbank Cup obuseSisa Dukashe Stadium, uDan Malesela uza kubeka ithemba lakhe kuLaffor xa iqela lakhe lisamkela iSwallows emdlalweni weDStv Premiership oza kutak’ iintlantsi eNelson Mandela Bay Stadium emalanga ngoMgqibelo.

Omabini amaqela aphantsi koxinizelelo futhi anxanelwe impumelelo kuba egqibele kudala ukuphumelela – kodwa iChippa yeyona ekunyanzelekileyo iphumelele ngoba isendaweni embi kakhulu kwiDStv Premiership. “Silindele umdlalo omkhulu njengokuba sidlala neSwallows ngoMgqibelo. Iza kuza ngamandla wayo onke kuthi. Emdlalweni wokuqala, sadlala ngokulingana nayo. Kweli ityeli, sinalo ithuba lokuyibetha ukuba singadlala ngendlela umqeqeshi afuna sidlale ngayo,” utshilo uLaffor, ethetha namajelo eendaba namhlanje.

Le ndedeba yaseLiberia ithi yonwabile kwiChippa United kwaye umdlalo wayo uyadibana ngoku nabanye abadlali. ULaffor, 36, ugaleleke eGqeberha ekuqaleni kwalo nyaka emva kokohlukana neMamelodi Sundowns ayidlalele iminyaka esondele eshumini. “Oko ndafika, noko ndiyalifumana ithuba lokudlala. Ndifuna ukuthi enkosi kubaqeqeshi nakoo gxa bam ngokundithemba. Emva kokuzilolonga nabanye abadlali, ndingatsho ndithi umdlalo wam uyadibana ngoku nowabo.

Umqeqeshi weChippa United uDan Dance Malisela kunye nosihlalo weChippa United uSivuyile Chippa Mpengesi ngethuba kunikezwela inkundla yezemidlalo i Jan Smuth stadium ezokusetyenziswa yiChippa United-Umfanekiso : BHEKI RADEBE

Yonke into ihamba kakuhle ngoku futhi nam ndonwabile. Kodwa into ebaluleke kakhulu kum ngoku kukubonisa abadlali abatsha indlela eya kufuneka baziphathe ngayo ukuze baphumelele ebholeni. Ndifuna ukubaxelela ukuba akukho nto engenakwenzeka xa bezimisele,” utshilo uLaffor. Abadlali beChippa United baya emdlalweni wangempelaveki bekhuthazekile emva kokuzibekela indawo kumjikelo ophambi kowokugqibela kwiNedbank Cup. Kodwa ukudlalela ukusinda ezembeni, yeyona nto ebaluleke kakhulu kumqeqeshi nakumnini weqela – uMnu. Siviwe Mpengesi.