Ulahlekile umqeqeshi weMadeama FC

Umqeqeshi weMadeama FC uTom Strand ubeke phantsi kweli qela emva kokushiya imbalelwano kwigumbi lehotele ebelele kuyo kweli loMzantsi Afrika.

Eli qela laseGhana libethwe yiMamelodi Sundowns ngo’3-1 kumdlalo weCAF Confederations Cup ubudlalwa ngokuhlwa ngoMgqibelo.

IMadeama ikhuphe ingxelo ngokusesikweni necacisa ukulahleka kuka- Strand, kwaye kuvulwe ityala ngamapolisa eli loMzantsi Afrika.

“IMadeama ingathanda ukubhengeza ukuba umqeqeshi wethu uTom Strand ulahlekile eMzantsi Afrika, emva kokuba iqela lethu libethwe yiMamelodi Sundowns kumdlalo weCAF,” itshilo le ngxelo.

“Imbalelwano yokulahla kwisikhundla sakhe iye yafunyanwa emva kokuba eye waziphumela ngaphandle kwemvume yethu eHoliday Inn Express Hotel.

“Sele kufakwe ityala emapoliseni eli loMzantsi, kwaye aqinisekisile ukuba azakumfumana.” Sitshilo isithethi.