Iphulukene
nomdlalo wayo wesibini iGolden Arrows emva kokucanjalaliswa kabuhlungu
ngamagowuli amane kwelinye (4-1)
ekelemileyo emdlalweni we-Absa Premiership ngokuhlwa kwanamhlanje e-Emirates Airline Park. UFagrie Lakay wenze idemesha engasoze ilityalwe ngokubhakuzelisa umnatha kathathu eyedwa emdlalweni wanamhlanje eqinisekisa okokuba
iqhubela phambili nomsebenzi omhle ukusukela oko kuthe kwabuyelwa emabaleni
ngamaqela abekhe ahlala phantsi ixesha elide ngenxa yekhorona eswantsulisa
ihlabathi. Umdlalo ubumhle, omabini amaqela ebedlala umdlalo omhle
okhawulezayo. Kuyiwe ekhefini
ihamba phambili ngamagowuli amabini afakwe yifolosi eyingozi, uLakay.
Omabini
amaqela akhuphe abadlali bawo abaphambili ngenxa yokonzakala. UKermit Erasmus
uphumile, endaweni yakhe kwafakwa uTashreeq Morris endaweni yakhe yiCape Town
City. Yona iGolden Arrows ikhuphe uSiboniso Conco, yafaka uSiyabonga Dube. UMorris
ufake igowuli leCity – kodwa amakhwenke kaSteve Komphela alifumene igowuli
lokubika elifakwe nguKnox Mutizwa emshiye uLeeuwenburgh engazi nokuba makathini
ezipalini. Ukuphumelela kweCity kuthetha ukuthi iza kuhlala kwindawo yesixhenxe
– kanti yona iGolden Arrows iye kwindawo yeshumi elinanye. Emini namhlanje, i-Orlando
Pirates ibethe iSuperSport United ngo’2-1,
ibambene neMaritzburg United, wona AmaZulu abetha iLeopards ngo’1-0.
Luthatha lubeka usapho obeluthenjiswe ngoncedo kumngcwabo womzali ogetyengiweyo!