Kwitumente yalo nyaka yeTelkom Knockout kuza kudibana oomakad’ezondana, iMamelodi Sundowns neencutshe kwiindebe kweli loMzantsi Afrika – iKaizer Chiefs.
Kumdlalo wedabi labakhaya basePitoli, iSundowns ivuthulule iSuperSport United, iintshantsheli zonyaka ophelileyo ebezikhusela, ngamagowuli amathathu onke kweli jwi.
Amakhosi wona aphumelele nzima kwipenela emva kokudlala ntanganye imizuzu engaphaya kwekhulu.
Phambi kwale midlalo abantu abaninzi bebeneminqweno yokuba iqela elithile inga lingadibana nelithile kumdlalo wamagqibela kankqoyi – kodwa yena uTeko Modise uthi nokuba ibiyiPirates abebezakudlala nayo kuyafana.
Eli qela laseChloorkop liza kudlala neChiefs likwisimo esihle kakhulu ngoba liqhuba kakuhle emidlalweni yayo.
Naye uModise uthi beyiSundowns bayawuvuyela lo mdlalo baza kuwudlala neChiefs. “Sonwabe kakhulu kukufikelela kwethu kumdlalo wokugqibela weTKO..sidlala umdlalo oncomekayo kwaye sifumana iziphumo ezihle.
Xa mna ndingadlali ndinika inkxaso abo badlalayo ngoba sisebenzela into enye – impumelelo.
Nokuba besidlala neliphi kula maqela makhulu bekungazubakho mahluko,” utshilo uModise kwikhasi lomnatha lakhe izolo.
UMzantsi Afrika uza kongamela iG20: Kuthetha ntoni oko?