Ulambele intshinga yehlabathi uBaleni!

USiphamandla Baleni intshatsheli entsha yeWBO Africa kudidi lweNgcongolo Umfanekiso : Xaba promotion

Intshatsheli entsha yeWBO Africa, kudidi lweNgcongolo, uSiphamandla Baleni, uthi ufuna ukulwela intshinga yehlabathi.

UBaleni ukuvakalise oku emva kokubetha uAyanda Ndulani ngamanqaku kumlo ubutakisa iintlantsi eIndoor Sports, eMdantsane, kwimpelaveki ephelileyo.

Umlo wala matyendyana ubamise ngeenyawo abalandeli ukusuka kumjikelo wokuqala uyokuthi xhaxhe kowokugqibela.

“Okokuqala mandibulele kwiqela labaphathi bam ngokubanam kumalungiselelo alo mlo. Ubungekho lula tu lo mlo, kodwa indlela ebesiwulungiselele ngayo ibonakele. Ndiyivuyela kakhulu le mpumelelo.

UNdulani ayombethimanqindi ilifokofoko,” utshilo uBaleni emva komlo.

Le ndedeba ithi inephupha lokulwela intshinga yehlabathi ungaphelanga unyaka ka2019.

“Le mpumelelo ithetha lukhulu kum. Andinamdla kakhulu kwintshinga yoMzantsi Afrika, ndibawela ukulwela intshinga yehlabathi,” utshilo uBaleni.

UNdulani uyavuma ukuba ubethiwe nguBaleni. “Andifuni kuxoka, ndibethiwe kulo mlo.

Yaye ndizibethise ngokwam ngokuyeka ukudlala ngendlela ebesihlele ngayo nabaqeqeshi,” utshilo uNdulani.

OkaNdulani uthi ukubethwa nguBaleni akumbulalanga maphupha.

“Ndisenethemba lokuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika. Ndiza kuphinda ndihlale phantsi nabaqeqeshi sibonisane ukuba masenze njani ukubheka phambili,” wongeze watsho uNdulani. Ezinye iziphumo zale tumente: USabelo Ngebiyane ulalise ngophotho uNkosikhona Speelman kumjikelo wesixhenxe.

UEnathi Stelle umngqengqise kumjikelo wesibini uAbongile Tipa noMzwabantu Mbexeshi umthe qwaka-qwaka kumjikelo wesibini uMfundo Gwayana, uSiyabulela Trower naye uwuphumelele kumjikelo wesibini umlo wakhe noSiyabulela Rubela.

USiko Moshani ubethe uMogale Molefe ngamanqaku, uZukisa Mafu noJacklin Soldaat badlale ngokulingana.