ULambie uzakubekwa bucala nakule mpelaveki

IiSharks zikhangela isitya ebumnyameni ngoku kwiSuper Rugby. Iziphumo zangale mpelaveki siya kuyo zibaluleke kakhulu kuba zizakucacisa ukuba libheka kweliphi na icala iqela likaGary Gold.

NgoMgqibelo eli qela liza- kudlalisa abanye abadlali ngemva xa lidlala neeCheetahs. Umqeqeshi uGold, ubhengezile ngoLwesibini ukuba umdlali okhabayo uPat Lambie uzakubekelwa bucala nakule mpelaveki.

ULambie wabetheka ngentloko kumdlalo wokuqala wovavanyo owawuphakathi koMzantsi Afrika ne-Ireland eNewlands. Sele kudlule phantse inyanga ngoku, kwaye uvavanyo olwenziwe kule veki luveze ukuba lo mdlali kusafuneka anikwe elinye ixesha aphile ngokugqibeleleyo.

Omnye umdlali odlala ndaweninye noLambie, uGarth April ongadlalanga kakuhle ncam kwiveki ephelileyo kulindeleke ukuba aphinde avale indawo kaLambie. UGold ngoku kunyanzelekile ukuba enze utshintsho kubadlali bakhe bangemva.

Inzalelwane yaseMthatha, * -Odwa Ndungane obenyanzeliswe ukuba asuke ephikweni ayokudlala ngasemva endaweni kaWillie Le Roux kumdlalo wabo neeLions, uzichaphazele iingxaki abebejongene nazo kula mdlalo babethwe kuwo.

“Besisoloko sidlala ngabadlali abanye oko iqalile le sizini yeSuper Rugby bebesoloko beqala umdlalo. Bekunzima emva kokuba uPat, uWillie no-Andre kuye kwathiwa abazokufumaneka, noPaul Jordaan uye wenzakala usandula kuqala umdlalo.

“Sinethamsanqa lokuba nabadlali abanomxhelo abafana noJP Pieterson okwaziyo ukudlala kwiindawo ezahlukeneyo ebaleni, kodwa utshintsho oluninzi ebaleni lusiphathele iingxaki,” utshilo uNdungane.