ULambie uzakukhokela amaBhoko-bhoko

AmaBhoko-bhoko azakube ekhokelwa nguPat Lambie xa edlala neBarbarians eWembley Stadium ngoMgqibelo.

Lo kaLambie ungena endaweni ka-Adriaan Strauss ophunyuziweyo. UStrauss kulindeleke abuyele kwiiBoks xa zidlala neNgilane ngomhla weshumi elinesibini kule nyanga eTwickenham.

Ukapteni (Lambie) khange awonwabele umdlalo weRugby Championship njengomdlali wasemva obuphakathi kwaMabhoko-bhoko neWallabies obuseLoftus Stadium. Eyona ndawo abalasela kuyo uLambie yindawo yeshumi – kwaye * -Allister Coetzee uyakukuthakazelela ukubuyela kwalo mdlali kula ndawo.

Ngokokutsho komqeqeshi, uLambie, ibengoyena mdlali ufanelwe kukukhokela kolu tyelelo lwaseNgilane.

“UPatrick uyinxalenye yeqela labadlali abakhokelayo naMabhoko-bhoko ngokubanzi. Lo mdlali uqhuba kakuhle kakhulu kwiqela lakhe futhi uyabahlonipha oogxa bakhe.

Uyazazi izithethe zomdlalo wombhoxo, unolwazi oluphangaleleyo lomdlalo nendlela esidlala ngayo. Andithandabuzi nakancinci, uLambie uzakuqhuba kakuhle njengoKapteni,” utshilo uCoetzee.

Ethetha emva kokutyunjwa kwakhe uLambie uthe”Ukudlalela iqela lesizwe yinto enkulu kum – kodwa ukulikhokela ngumsebenzi omkhulu kakhulu.

UMzantsi Afrika unembali entle embhoxweni kwaye iqela lilonke liyazingca ngokumela ilizwe.”