ULambie uzakuqala kumdlalo wangoMgqibelo

Kunyaka ophelileyo kwiSuper Ruby iiSharks bezisebenzisa uLionel Cronje njengomdlali okhabayo, ngelixa obencedisa kwiskram ibinguStefan Ungerer. Aba badlali babini bebencedisana kwimidlalo emithandathu ilandelelana.

Ngaphandle kwamathandabuzo iiSharks zinabadlali abaninzi ezinokhetha kubo xa kufikelelwa kwiskram, ingakumbi emva kokuzibonakalisa kwegqala uMichael Classens. Nabadlali abakhabayo bakhona kwiiSharks ngoku, kwaye yilonto kungakhange kubekho xhala kakhulu emva kokwenzakala kukaPat Lambie.

U-April uqale wanikwa ithuba kumdlalo ubuphakathi kweeSharks neeHighlanders, emva kokuba uJoe Pietersen, ebedlale phantse yonke isizini endaweni kaPatrick Lambie owenzakeleyo. U-April ukwazile ukulisebenzisa ithuba alifumeneyo kule midlalo mithathu idlulileyo. Kule veki ziyatshintsha izinto uLambie uzakubuyela emva kokuba ebenyangwa egxalabeni ebenzakele kulo.

ULambie khange abonakale ngathi ngumntu obesandula ukwenzakala xa ebedlala kwiveki ephelileyo, kwaye uzakufuma ithuba lokuqala kumdlalo wale mpelaveki.