ULarsen akazimiselanga ukunikezela!

Umqeqeshi weChippa United, uClinton Larsen, uthi iqela lakhe liza kulwela ukuhlala kwiPSL kwimidlalo emithathu elandelayo. umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Izinto aziyihambeli kakuhle iChippa United kwimidlalo yeAbsa Premier Soccer League, kodwa uClanton Larsen akazimiselanga kunikezela kude kube sekugqibeleni.

Njengokuba kushiyeke imidlalo emithathu, iChippa United iphantsi koxinizelelo olukhulu ngoba iphakathi kwamaqela anukelwa lizembe.

IChippa United ibuye iphoxekile emva kokubethwa yiMamelodi Sundowns ngamagowuli amathathu kwamabini (3-2) emdlalweni obunzima eLoftus Stadium emalanga ngoLwesibini wale veki.

Kanti kwimpelaveki egqithileyo, iChilli Boys ikhutshwe yiKaizer Chiefs ilwile emdlalweni weNedbank Cup ebethwe kuwo ngamagowuli amane kwamabini (4-2).

Enye yezinto iChippa United ezenza kakuhle ngoku kukufaka ibhola emnatheni – kodwa eyona nto iyingxaki kukungakwazi ukukhusela amagowuli wayo.

Leyo yinto umqeqeshi weChippa United ekufuneka azame ukuyilungisa kwimidlalo emithathu eshiyekileyo.

Abadlali beChippa abakwazanga ukukhusela igowuli elifakwe nguMark Mayambela emdlalweni obusePitoli kodwa uLarsen uthe akakhali kakhulu ngoba iqela lakhe libethwe liqela elinamandla.

“Kubi ukuva ngomnye woosompempe esithi kubanjwe ibhola ebhokisini izihlandlo ezithathu kodwa singafumani nenye ipenela. Andikhali kakhulu ngoba abadlali bonke bebezinikele emdlalweni. Sibethwe liqela elisemgangathweni ophezulu. Ibonakele lo nto emdlalweni, kodwa ndiyazingca ngendlela abadlale ngayo abadlali. Sinabadlali abadlala ngokuzimisela ngamaxesha onke. Siza kulwa kude kube sekugqibeleni,” utshilo uLarsen emva komdlalo ebonakala okokuba uphoxekile.

Emva kwamashumi amabini anesixhenxe emidlalo, iChippa United iqokelele amanqaku angamashumi amabini anesine. Mabini amaqela angezantsi kuyo kodwa kunyanzelekile iyiphumelele yonke imidlalo eshiyekileyo ngoku ukuze iqinisekise ukuba iyayigcina indawo yayo kwiPSL.

Le yinto ebanxunguphalisayo abalandeli bebhola eMpuma Koloni ngoba iChippa United ibazisela imidlalo ekwinqanaba eliphezulu. ULarsen uthe imidlalo yokugqibela iza kunika umdla kakhulu.

“Onke amaqela asekugqibeleni alwela ukuhlala kwiPSL. Izinto ziza kubanomdla ngakumbi njengokuba kusongwa isizini, kodwa ndisatsho ukuba abadlali bethu bangazimisela ngale indlela, siza kude silifumane ithamsanqa,” uvale ngaloo mazwi uLarsen kwiSuperSport TV.

Imidlalo yePSL:

NgoLwesihlanu: Chippa United vs Cape Town City @Nelson Mandela Bay Stadium, 20:00

NgoMgqibelo: Highlands Park vs Polokwane City @Makhulong Stadium, 15:00; Black Leopards vs Maritzburg United @Thohoyandou Stadium, 15:00; SuperSport United vs Bidvest Wits @Lucas Moripe Stadium, 18:00; Bloemfontein Celtic vs Kaizer Chiefs @Peter Mokaba Stadium, 20:15

NgeCawe: Golden Arrows vs Free State Stars @Princes Magogo Stadium, 15:00; Baroka FC vs AmaZulu FC @Old Peter Mokaba Stadium, 15:00