Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni, iChippa United, alikaphumi engxakini nangona kukho ukuntaluza okuthile kwethemba lezinto ezintle emva kokufika komqeqeshi omtsha – uClinton Larsen.
OkaLarsen ugaleleke kweli qela lizinze eBhayi kwiiveki eziphelileyo emva kokugxothwa kukaJoel Masutha.
Phantsi komqeqeshi omtsha, iChippa United ikwazile ukubetha iMaritzburg ngo’2-0 emdlalweniAbsa Premier Soccer League, yalandelisa ngeMamelodi Sundowns eyibethe ngo’2-1 emdlalweni weNedbank Cup obutak’ iintlantsi eNelson Mandela Bay Stadium kwiveki ephelileyo.
Emalanga ngeCawe, iChippa United iza kuvan’ amandla neBaroka FC emdlalweni wePSL ngo’15:30, ePeter Mokaba Stadium. Ngamanqaku apheleleyo kuphela aya kunika iChippa ithuba lokuphefumla nokusuka emsileni.
Emva kokubetha iSundowns nokudlala umdlalo osezingeni eliphezulu, umqeqeshi weChippa United uvumile okokuba ukuzithemba ebadlalini kuphezulu – kodwa eyona nto ibalulekileyo kuye kukusuka kweqela lakhe kwindawo elikuyo ngoku.
“Imidlalo mibini ngoku esiyiphumeleleyo. Bayabonakala abadlali ukuba baziva kamnandi kwaye nokuzithemba kuphezulu. Iliso lethu liphaya kundoqo. Ukusuka emsileni kwiPSL yeyona nto ebalulekileyo kakhulu kuthi. Kodwa ke xa ithuba lokuya phambili kolu khuphiswano (iNedbank Cup) silifumana – siza kulisebenzisa ngokuba kudlalwa imidlalo emine kuphela. Ukubetha iSundowns phambi komdlalo olandelayo (wePSL) kunika amandla abadlali. Andiqondi ukuba kukho ubungozi ekudlalweni kuzo zombini ngokuba sibaqwalasele abadlali bethu ngokweendawo abadlala kuzo,” utshilo uLarsen.
Noxa idlala umdlalo ophucukileyo iChippa, kodwa kusekho ingxaki yokungakwazi ukufaka amanqaku ngendlela encumisayo.
Leyo yinto uLarsen ekufuneka azame ukuyilungisa ngokupheleleyo njengokuba iqela lakhe lizama ukuqokelela amanqaku anokuthi alikhuphe engxakini elikuyo ngoku.
Ukudlala neBaroka ebaleni layo iza kuba yinto enzima kakhulu ngokuba nayo ifuna impumelelo ukuze ifumane indawo ebhetele kunale ikuyo.
“Ndiyabavuyela abadlali bethu emva kokuphumelela. Kwelethu icala singabaqeqeshi, siza kusebenza ngokuzimisela ngethemba lokuba sakudlala kakuhle kwakhona,” uvale ngaloo mazwi uLarsen.
Imidlalo yePSL:
NgoLwesihlanu: Bidvest Wits vs Maritzburg United @Bidvest Stadium, 20:00
NgoMgqibelo: Golden Arrows vs Highlands Park @Suger Ray Xulu Stadium, 15:30; Free State Stars vs Polokwane City @Goble Park Stadium, 18:00
NgeCawe: Bloemfontein Celtic vs Black Leopards @Dr Molemela Stadium, 15:30
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman