ULarsen ufuna ukuvala isizini ngeChiefs!

UZitha Macheke weChippa United ejongene ngqo noKhama Billiat weKaizer Chiefs emdlalweni weAbsa Premier Soccer League owawubanjelwe eMoses Mabhida Stadium umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Le yiveki ebalulekileyo kakhulu kwibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika. Amaqela amabini aphezulu kwiPremier Soccer League, iMamelodi Sundowns neOrlando Pirates, alwela ukuphakamisa eyona ndebe yexabiso – kanti amaqela amane wona alwela ukuphepha izembe.

Phakathi kwamaqela asecicini lokuthotyiselwa yiChippa United ekuphela kwayo eMpuma Koloni.

Kwiveki ephelileyo, iChippa ibuye eLimpopo inyathelela phezulu ngenxa yokuzuza kwayo amanqaku amathathu emva kokubethwa yiPolokwane City ngo’3-1 emdlalweni wePSL.

Loo manqaku mathathu ayibeke kwindawo yeshumi elinesithathu iChippa, kodwa oko akwanelanga ngoba umsantsa phakathi kwayo namanye amaqela amathathu asezantsi kwayo mncinci kakhulu.

Ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo, kunyanzelekile iChippa iyibethe iKaizer Chiefs emdlalweni wokuvala isizini eNelson Mandela Bay Stadium.

Umdlalo uza kutaka iintlantsi ngoba nayo iChiefs iza kube isilwela ukungena kwiTop 8.

Amakhwenkwe kaClinton Larsen aza kukhangela indlela yokubuyisa isixhiba emva kokuvuthululwa yiChiefs ngo’4-2 emdlalweni weNedbank Cup kutshanje.

ULarsen uzimisele ukuyibetha iChiefs ngoba uthi iza kuya eBhayi ilumkele ukonzakalelwa ngabadlali phambi komdlalo obalulekileyo eMoses Mabhida Stadium kwiveki ezayo.

“IChiefs kufuneka ilumkele ukudlalisa abadlali abathile ngoba inomdlalo kwiveki ezayo. Umdlalo uza kubarhabaxa; abadlali bam baza kunyathelela phezulu emdlalweni,” utshilo uLarsen emva komdlalo ePolokwane.

Umqeqeshi weChippa akazimiselanga kuthembela kwamanye amaqela. Yiyo lo nto efuna iqela lakhe liye emdlalweni linenjongo yokuphumelela umdlalo.

“Asizimiselanga kujonga izinto ezenziwa ngamanye amaqela. Size emdlalweni sisazi okokuba kunyanzelekile siyiphumelele imidlalo yethu yokugqibela. Siya kwiChiefs sinalo nto ezingqondweni zethu kwaye siza kuqinisekisa okokuba sidlala umdlalo ngokukhulu ukuzimisela,” utshilo uLarsen emva kokuphumelela kweChippa.

Kulindeleke uThabo Rakhale, uAndile Mbenyane noFreddie Nsabiyumva babekhona ukuba bakwazile ukuphuncuka kumonzakalo.