ULarsen uncoma iMagesi ebhukuqe iSundowns yaphakamisa iCarling Cup

Abadlali beMagesi FC bebhiyozela indebe yeCarling Knockout Cup emva kokubetha iMamelodi Sundowns emdlalweni ibuseToyota Stadium. Umfanekiso: Yanga Nothanga/Maya Images

Emva kokubhukuqa elona qela elidlala kakuhle eMzantsi Afrika, uClinton Larsen ubaqhwabele izandla abadlali bakhe abazenzele imbali befika kwinqana eliphezulu ebholeni ekhatywayo. ULarsen uvakalise uchulumanco olukhulu emva kokuba iMagesi FC icambalalise iMamelodi Sundowns ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni wokugqibela weCarling Knockout Cup obubanjelwe eToyota Stadium, eBloemfontein, ngorhatya ngoMgqibelo odlulileyo.

Ziintshatsheli zeCarling Cup ngoku iMagesi emva kweenyanga ezimbalwa inyuselwe. Endleleni yayo ibethe i’Orlando Pirates, iRichards Bay, iTS Galaxy neMamelodi Sundowns. ULarsen ubancomile abadlali bakhe athe basebenza ngokuzimisela kakhulu. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSundowns ihamba phambili ngegowuli elifakwe nguRayners (Iqraam) onikelwe ibhola entle nguLucas Ribeiro.

UTshepo Kekana ufake igowuli lokulinganisa emva kokufumana ibhola ebikhatywe nguChiramandare. Igowuli lempumelelo lifakwe nguDelano Abrahams emizuzwini yokugqibela kwaphela ngayo iSundowns ebiziphethe zonke iziqwayi zayo. “Ndibavuyela kakhulu abadlali bam. Bendisoloko ndibaqhuba ngendlela egqithisileyo.

Kodwa bekunyanzelekile ndibeke uxinizelelo kubo ngoba siliqela elingenabo abadlali abanetalente kakhulu. Ngumsebenzi onje ngalo siwenzileyo osinike iziphumo ezihle,” utshilo uLarsen ojulwe phezulu ngabadlali bakhe bevuya emva komdlalo. “Ndonwabile ngoba apha sinabadlali abachithwa ngamanye amaqela.

“Sivuselele izakhono zabadlali ababengafunwa ngamanye amaqela kwiMagesi,” utshilo uLarsen ovumileyo ukuba iSundowns lelona qela elidlala umdlalo obhetele ebaleni. ULarsen uthe iMagesi ibenethamsanqa ngoba yiSundowns ebinamathuba abhetele emdlalweni. “Besifuna ukuya kwixesha lokuphumla kungafakwanga gowuli kuthi.

“Besifuna ukuzivimva amathuba iifolosi zeSundowns – kodwa asikwazanga. Kuye kwanyanzeleka ukuba sixoze omnye umphini. Isicwangciso sethu sesibini siye sasebenza emva kokuphisa ngegowuli kwisigaba sokuqala. Emva kokudlala kakuhle kwisigaba sesibini, ndicinga ukuba bekusifanele ukuphumelela umdlalo,” utshilo uLarsen.