ULarsen uncoma iMagesi esecicini lokwenza imbali kwiCarling Knockout Cup

UClinton Larsen ngumqeqeshi weMagesi FC. Umfanekiso: Facebook

Emva kokuchitha iminyaka eliqela kwinqanaba elisezantsi ebholeni ekhatywayo, uClinton ubuyele kwinqanaba eliphezulu wafika wenza isitshingitshane. Ngaphezulu koko, uLarsen uzimisele ukubonisa abalandeli bebhola ekhatywayo ukuba usenguye umqeqeshi osemgangathweni ophezulu ngokunceda iMagesi FC asuka nayo kwiMotsepe Foundation Championship.

Emva kwemidlalo emithandathu kwiBetway Premiership, iMagesi FC ihleli kwindawo yeshumi elinanye emva kokuqokelela amanqaku amathandathu. Akukubanga kwiqela elifikayo. Kulindeleke ukuba umsebenzi weMagesi uphucuke emva kokuba iqhube kakuhle kwiCarling Knockout Cup. Yothuse umzi ngethuba ibetha iPirates emdlalweni wokuqala kwiCarling Cup.

Wonke umntu uyayazi into elindelekileyo ngoku kwiMagesi emva kokuba iphinde yabetha iTS Galaxy neRichards Bay ngokulandelelana kwiCarling Cup. ULarsen uliqhwabele izandla iqela lakhe wongeza ngelithi okwenzeke kwiMagesi kumkhumbuze okwenzeka esengumqeqeshi osedyongo kwiBloemfontein Celtic.

Njengokuba iMagesi iza kudibana neMamelodi Sundowns, umqeqeshi wayo unethemba lokwenzeka awakwenza ngo2012. ICeltic yabetha iDowns ngo’1-0 yathatha indebe. “Indlela eya emdlalweni wokugqibela yayinzima ngo2012. Sabetha iFree State Stars nePirates kwalandela iSundowns esayibetha ngo’1-0 eBhethelehem.

“Indlela esiyihambe kwiCarling Cup iyafana naleya,” utshilo uLarsen othembele ngabadlali abakwaziyo ukulwa ebaleni noxa uninzi lwabo lungenawo amava kakhulu kwiBetway Premiership. “Ndisoloko ndisitsho ukuba zimbini izinto ezisibeke kwindawo esikuyo. Yindlela esilwa ngayo ebaleni. Eyesibini kukuba sinabadlali ababumbeneyo.

“Indlela abadlala ngayo emva nabahlasela ngayo indishiye ndimangalisekile. Ndicinga ukuba abadlali abafana noTholang Mashigo, uWonderboy Makhubu, uChurambadare, uMekoa noKakora badlale kakuhle kakhulu. Abaqeqeshi basoloko bekhala ngabadlali abahlaselayo – kodwa abangancedisiyo xa iqela lisengxakini. Mna andinaso isikhalazo. Ndinethamsanqa lokuba nabadlali abawenza kakuhle umsebenzi. Silapha ngoku ngenxa yabo,” utshilo uLarsen ethivini.