Obekade engumqeqeshi weMagesi FC, uClinton Larsen, uthi uyaziqhenya ngomsebenzi awushiye ngasemva. ULarsen wothuse umzi ngethuba ebeka phantsi njengomqeqeshi oyintloko kwiintsuku ezidlulileyo emva komdlalo obuse’Orlando Stadium phakathi kweMagesi FC neCarling All Star emalanga ngoMgqibelo.
Ukuhamba komqeqeshi kulandela umsebenzi omhle awenzileyo wokuthatha iMagesi FC ayinyusele kwiBetway Premiership. Kwinyanga edlulileyo, wenze imbali ngokunceda iMagesi ethathe indebe yeCarling Cup emva kokuwisa iMamelodi Sundowns emdlalweni owawubanjelwe eBloemfontein.
“Lo ngumdlalo wam wokugqibela,” utshilo uLarsen ethetha kuSABC TV emva komdlalo ngempelaveki egqithileyo. Emva kokuphakamisa iCarling Knockout Cup, iMagesi ayikwazanga ukuyiphumelela imidlalo yeBetway Premiership. Ezo ziphumo zinalo ifuthe kwisigqibo sokuhamba kwakhe.
“Ndiyavalelisa kwiMagesi emva kokuyisebenzela iminyaka emibini esikwazileyo kuyo ukunyukela phezulu nokuphumelela indebe. Ezo zinto zimbini, ndizingomba isifuba ngazo kakhulu. Ndilinqwenelela okuhle kodwa iqela futhi ndibulela ithuba lokusebenza endilinikwe ngusihlalo weqela,” utshilo uLarsen ekungecaci kakuhle ukuba uza kwenzani.
Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United emdlalweni obuseMonti!