ULe Clos usenethuba lokubuyisa isidima sakhe

Indadi yaseMelika uMichael Phelps imbeke endaweni yakhe uChad le Clos weli lo Mzantsi Afrika kumjikelo wamagqibela kankqoyi wokudada, eRio kwi200m butterfly. UPhelps uphinde walohlutha eliwonga legolide kweli nqanaba nelathathwa nguLe Clos kwiminyaka emine edlulileyo, kwimidlalo ye-Olimpiki eLondon.

“Imimoya ibiphezulu kakhulu emva kwala magqibela kankqoyi e200m butterfly. Bendifuna iphinde ibuyele kum le ntshinga nakanjani. Ukubukela kwakhona ukhuphiswano lwango 2012 kundiphazamisile. Andilihoyanga ixesha ndiyavuya nje kukuba ndiphumelele,” utshilo uPhelps.

Le ndadi ikwamqhwabele izandla uLe Clos nangona egqibe kwindawo yesine. “Yindadi enesakhono, kwaye akoyiki ukuzibonakalisa nje ngokuba ensile kwi200m freestyle yakhe. Unetalente, uye wanqwala ebeka uLe Clos endaweni yakhe.

Zimbini ngoku iimbasa ze-silivere esele zifunyenwe nguMzantsi Afrika kwimidlalo ye-Olimpiki eqhubeka eRio. UChad le Clos uphumele le mbasa yesibini ekudadeni, kwaye uzakuphinda afumane elinye ithuba lokuzibonakalisa kwakhona xa ekhuphisana kwi100m butterfly. NgoLwesihlanu uzakube ekhuphisana kwi 400m medley relay kwakhona, le nto izakumnika ithuba lokuba akhangele enye imbasa.