ULe Clos uzosule iinyembezi zaseRio

Indadi yeli loMzantsi Afrika uChad Le Clos ibuye nembasa yegolide eParis ngempelaveki. UMFANEKISO: Barker/BackpagePix

UChad le Clos noCameron van der Burgh baphinde bayingcamla kwakhona impumelelo, emva nje kweeveki ezimbini idlulile imidlalo ye-Olimpiki ibiqhutywa eRio. 

Esisibini ebesiphumelele iimbasa zesilivere eBrazil, siphumelele iimbasa zegolide kwimidlalo yendebe yehlabathi yeFINA eParis. UVan der Burgh uphumelele amagqibela kankqoyi ebreastroke kwimizuzwana eyi’25.98. Wagqibelisa ngokubamba igolide yesibini kwi200m kwibreastroke. 

ULe Clos ngoyena uphumelele ngendlela ekhululekileyo kakhulu kwi200m butterfly ugqibe kwimizuzwana eyi’1:51:25. UVan de Burgh ebephumelele imbasa yesilivere eRio kwi100m breastroke ngelixa uLe Clos yena egqibe kwindawo yesibini kuzo zombini i200m butterfly ne100m butterfly.